iincwadi eziya kumhleli

Bayaxoka oonogada be-Ithuba!
Hayi ndincamile akho nyani koonogada baseBhisho! Bayeka ukuncoma ukuba siphetheke kakuhle! Kufana neContract babeyifunile, baphinda kwabona bathi abayifuni! Ngabo abantu abangenzi kakuhle enkampanini kodwa ngoku bayibeka amabala angekhoyo! Andikhumbuli ekhona umntu owakhe watsalelwa imali kuba eyothenga iLunch, okanye efike late kwiParade. Ingxaki yabo oonogada Be ITHUBA SECURITY bafuna ukwenza unothanda babe bezula eli Bhisho ngexesha lomsebenzi. Makakhe avele unogada othi wakhe watsalelwa iR250 kuba eyothenga iLunch kwaye efike late. 
– Omnye unogada, eBhisho
Abazali bethu bayasiqhatha!
Molweni ephepheni. Ndijika-jikana nombuzo apha othi kutheni le nto abazali bethu besifihlela imvelaphi yethu. Especially ukuba ngobani otata bethu neziduko zethu. Siphelela ubomi bethu sibuphila nzima ngenxa yoba sibizwa ngeziduko zomama bethu and we only find out our true identity sebengekho omama bethu esikwazi ukubabuza lomibuzo. Kanti libaluleke njani isiko lomntu. Mhlawumbhi kumntu oyintombi alibalulekanga lubaluleke kumntu ongumfana kuba yena esoluka? Yintlungu enkulu Lena.
– Onemibuzo

Kunzima eMzantsi!
Molweni kwi-I’solezwe. Kunjani kuni? Mna ndiphilile kuba ubawo endigcinile. Ndinengxaki ndiya ndihlukumezeka yimeko karhulumente osiphetheyo. Ndingumzali onabantwana ababini; abagranti ngenxa kaPersal (inkqubo yokurholisa karhulumente) endamfumana kwaHealth kwaye andifumani kwa eminye imisebenzi kurhulumente ngulo persal. Nitshayela phandle ngoku nalo umlungu ndikuye andizazi noba ndirhola malini kunzima nePayslip le kuye. Khaningenelele sizwe sakuthi kwakudala kukho into ethi fanele sibuyele esibhedlele kodwa nkqi inja ayivuthwa embizeni. inkala inxing’ etyeni kweza zibhedlele zozithathu. Sasingabantu abayi-385 balandulela elihlabathi abaninzi yile case. Kuthiwani xa kunje baphathi boMzantsi esikuwo suka nilibele kukulwa kwa nodwa. Sithini thina singenanto? 
– Ohlukumezekileyo, eMthatha

Inkundla engenasihoyo!
iHigh Court yaseMthatha ayinasihoyi; bendiye pha ndiyoku faka iProtection Order kuba ndihlukunyezwa ngobeli qabane lam. Ndifike ngo-11h00 kusasa ndaze ndahoywa ngo-15h30 sebesithi mandihambe nefomu ndiyoyigcwalisa, ndiphinde ndibuye ngemini elandelayo ngoba bayavala ngo-16h00.
– Odikiweyo, eMthatha
Meyiwa Security!
Singonogada baseMeyiwa Security Services siyakhala thina sigada ePublic Works; sirhola iR3600 ngenyanga. Abanye kwamanye amacala barhola iR4800. Sicela nisiphandele sifuna ukurhola imali elinganayo nathi!
– Oonogada
Yhu! iMaintenance Court yaseMonti!
Shem abakhathali oosisi abaphangela eMaintanance Court eMonti; oko ndandifake uFailure-to-Comply kwathiwa ndizakufowunelwa. Yinyanga yesine ndilindile, ndicela nindincede wethu I’solezwe; abantwana bam abazakunxiba nakutya ngale krisimesi.
– Umfundi, eNxarhuni
Intolongo isenza iindlavini!
Ndiyabulisa kwiphepha elisiphathela iindaba ezimnandi. Ndingumfundi we-I’solezwe. Noko singamabanjwa indlela esilamba ngayo nendawo esilala kuyo umntu angagqiba athi akuhlali bantu asikhathalelekanga into ephambili kukubethwa. Siyacela nindwendwele eWellington Prison eMthatha. Urhulumente ngokusigcina ezintolongweni ucimba uyasilungisa kanti uyasikhohlakalisa usenzela inzondo ngokuhlala apha ngakumbi ungenzanganto siyacela ningenelele.
– Obanjiweyo, eMthatha
Oonoteksi abanxesha labakhubazekileyo
Ndingomnye wabantu abaphila nenkubazeko. Ndibuhlungu ngendlela esiphatheke ngayo; ukuba ukhwela iteksi uthi uya eMdantsane City oonoteksi bakohlisa ezantsi eziteksini. Xa umcela athi woyika ukubanjwa! Ndicela lingenelele I’solezwe!
– Umhlali, eMdantsane

Ntapane Clinic!
Mhleli obekekileyo, ndinengxaki nekliniki yaseNtapane eCorana. Le kliniki ayinasihoyo, ayinamfihlo kubaguli. Iinesi zakhona uthi usabika ingxaki yakho kungeniswe omnye umntu ahlaliswe kule ndlu inye, abuzwe yenye inesi. Amanesi alapha ahlala kwigumbi elinye ancokole, ahleke isiqhazolo enganihoyanga kwa unihoya. Futhi akanakwa “Name Tags”. Kwisebe lempilo lephondo, uMam’ Dyantyi uthini ngezi kliniki zinesihoyo esingekhoyo?
– Umhlali, eCorana eNgqeleni