Indlela entsha yokulima

AMAFAMA kufuneka abenezakhono zokuvelisa ukutya, kodwa akuphelelanga apho – ulwazi malunga neenkcukacha ezifunekayo ngoyena ndoqo onokuguqula imbonakalo yeshishini lezolimo.

Lowo ngunobangela kanye wokuba inkampani yabucala iAerobotics iyile iinkqubo zokwenza lula ishishini lezolimo.

Ezi nkqubo ziquka iDrone Scouting Application esungulwe ngeenjongo zokuncedisa amafama ukuba azibone kwangethuba izinambuzane eziphazamisa izityalo zawo.

“Besisebenza nzima kule minyaka idlulileyo nabalimi sisenza isixhobo sezobuchwepheshe sokutshintsha ngokupheleleyo indlela amafama alawula ngayo izityalo zawo, babone imithi engalunganga ze baphinde babone izinambuzane bengakhange babeka kwamcondo efameni,” itshilo ingqonyela, kwanomnye wabaseki beAerobotics, uJames Paterson.

Le khamera ibhabhayo (drone) iyakwazi ukuthatha iinkcukacha zemithi efileyo okanye enezinambuzane kulo mafama eziqhamo, ze emva koko ibonise umfama ngeyona mithi ifuna ingqwalasela.

“Phambi kobu buchwepheshe, umfama bekunyanzeleka ukuba atyelele umthi nomthi okanye athembele kwiinkcukacha zangaphambili ukuze abone undonakele kwizityalo. Ngoku iphelile lo nto. Amafama aza kukwazi ukonga ixesha nemali ngenxa yeAerobotics,” kutsho umanejala weenkcukacha zobunzululwazi kwaAerobotics uMichael Malahe.

Intloko yeemveliso eAerobotics uNasreen Patel uthe: “Sijonga imicelimngeni ejongene namafama, emva koko sigqale amacebo okuqubisana nalo micelimngeni.”