Inkumanda yamapolisa
kwisikhululo saseMotherwell eBhayi uNjengele Dawie Rabie ulumkise amaqela
eStokvel kulo mmandla ukuba babandakanye amapolisa xa bezokwahlulelana ngemali
yabo yeStokvel ukunqanda ukuba zizisulu zoonqevu. URabie uthi ingathi amaqela
eStokvel ezilokishini ngekhe atshintshe indlela yokugcina imali yazo kulo
unyaka ka2018 ukwenzela ukuba angazukuba ngamaxhoba okuxuthelwa iimali zabo
njengoko kwenzekile kunyaka odlulileyo. Isilumkiso sikaRabie silandela emva
kokubona amatyala abeliqela engena kwesa sikhululo sokuphakwa isixa semali
esikufutshane kwisigidi seerandi kwinyanga yoMnga inyanga eyaziwa nje ngoxakeka. Ziziganeko ezikumashumi
amabin anesibini ezithe zabikwa kwisikhululo saseMotherwell ngokumayelana
nokuphangwa kwemali yeStokvel ngoonqevu. “Abo bangabaququzeleli bala maqela
eStokvel lixesha lokuba ngoku batshintshe indlela yokugcina imali kwaye
nendlela abathi bayisebenzise xa besaba imali leyo yeStokvel ngenzame zokucutha
amathuba okuba baphangwe imali yabo,”utshilo uRabie. URabie ubongoze
intsebenziswano phakathi kwabaququzeleli, oonogada kwakunye neebhanki ekubeni
zisebenzisane ukulwa iimeko ezinje. “Unyaka mtsha ngoku kwaye nezicwangciso
mazibezitsha. Makuqinisekwe ukuba ulwabiwo lwemali lalo unyaka lakuthi
lubenomahluko kwaye lukhuseleke.” Ukwabongoze amaqela eStokvel ekubeni
athabathe inxaxheba kwiimbizo ezibanjwa kwisikhululo samapolisa ezibafundisa ngohlobo
abanokuthi basinde ngalo ekuphangweni kwemali zabo.
Abafana Bes’thende babambene neTS Galaxy emdlalweni weBetway Premiership!