‘Siyawakha amayeza sinyange, hayi ukuthenga’ amalungu omzimba’

AMAGQIRHA nokhohlelesingeni bakhala ngokwehliswa kwesithunzi sabo kumsebenzi wokunyanga apho akubeka elubala ukuba bayawomba amayeza emahlathini kunye nasemathafeni anyange. Abawathengi amalungu omzimba wabantu.


Oku kulandela emva kokuba amagqirha kwidolophu yaseMt Ayliff akhale ngokungayiboni ingeniso yokunyanga kunyaka ophelileyo emva kwesanxwe sokubulawa kwabantwana nabasetyhini kunqunyulwa amalungu athile obundoda athengiswe. 

Kundliwanondlebe ne-I’solezwe onjongene nokusebenza kwamagqirha kwimalike yaseMt Ayliff, uNkosingiphile Dlamini, uthe okwehle kunyaka ophelileyo kuyaphoxa kakhulu futhi kulimaze isithunzi seenyangi nokudodobalisa ushishino lokunyanga ngokwesintu. 

“Lo umsebenzi ohambisana nokungcola wenziwa zizigebenga!” kufunga uDlamini. Uthe bona njengamagqirha basebenzisa amayeza aphilisayo kuba zingekho izicubu okanye amalungu athile abantu abenzangawo amayeza okunyanga. Ukwakhale ngelithi, umsebenzi wabo undotyelelwa phantsi kuba amaxesha amanintsi bahanjelwa ngabakhekethi abavela kumazwe angaphandle kunye nabasuka kwamanye amaphondo bezobona baphinde bafunde ngendlela abanyanga ngazo.
” Thina sisebenza ngendlela eselubala ngoba bayafika abakwantsasana nabamele ezemvelo bezohlola umsebenzi esiwenzayo kuba esikuthengisayo ingaba kusemthethweni na”, kutsho uDlamini. 
Umongameli wamagqirha kwakunye nokhohlelesingeni, uGqr Thandonjani Hlongwane, uthe abantu akufuneki badibanise indlala ebabhuqayo nokunyanga. 

“Kuyacaca ukuba abenza oku abanavelwano. Thina siphilisa abantu ngokubanyanga ngendlela ezilungileyo kuba sinovelwano” utsho uHlongwane. Uthe xa kufika umntu ezothengisela amagqirha into engacacanga, kumele unyamalale kubengathi uyothatha imali kanti uyokrweca amapolisa. Ulumkise ngelithi abantu mabakukhuphe tu ezingqondweni zabo ukuba bona njengeenyangi baphinde basebenzise amalungu omzimba ukunyanga. 

“Izingebenga njengokuba kucaca nje okokuba sisebenzisa nokuba yintoni eziswa kuthi, ndizityityimbisela umnwe. Kuba akuyonyaniso, umsebenzi wethu uyahlolwa ngalo lonke ixesha ukuba sisahamba ngendlela esemthethweni na kwaye ungophilisayo na.” uvale ngelo uHlongwane.