Ababhali bayafuneka kukhuphiswano lokubhala

USukoluhle Nontokozo Mdlongwa noThokozani Magagula, abaseki be-PUBLISH’D AFRIKA and PUBLISH’D AFRIKA Online Literary Magazine. Umfanekiso: Uthunyelwe

Ingaba uyafuna ukuba ngumbhali? iPHISH’D AFRIKA Online Literary Magazine ikhangela wena.

iPUBLISH’D AFRIKA Online Literary Magazine, eyaqanjwa ngowayesakuba yintatheli yaseMiddelburg Observer uThokozani Magagula, isungule ukhuphiswano lwenyanga nenyanga lokubhala amabali amafutshane apho abo banqwenela ukuba ngababhali banikwe ithuba lokubonisa iziphiwo zabo.

“Simema ababhali ukuba bangenise amabali amafutshane anamagama aphakathi kwe1 800 kunye nama2 500,” utshilo uMagagula. Uqhubeke wathi, “La mabali apapashwa kwiphepha lethu likaFacebook, kwaye abafundi baye bavotele ibali abacinga ukuba lifanelekile. Ukuqala kwethu ukhuphiswano kweyoMqungu, ibali elifutshane eliphumeleleyo lazuza iR350, iR100 kwindawo yesibini, laze elesithathu layiR50.

KweyoMdumba, xa kwakungena umxhasi wethu uBatswelapele Segweka Funerals and Legacy Stones, imali yebhaso ngoku inyuswe yaya kutsho kwiR500 kwibali eliphumeleleyo, iR250 kwelesibini neR100 kwindawo yesithathu. Kukwakho nembasa eyaziwa njengePublisher’s Choice Award exabisa iR500, ethi inikwe ibali elithi Publish’D Afrika elivakalelwa kukuba alilungile nje kuphela, kodwa likwabhalwe kakuhle kwaye alinazimpazamo zegrama.”

UHenry Coetzer weBatswelapele Segweka Funerals and Legacy Stones, uthe bathe gqolo ukuwaxhasa amaphulo anegalelo kulwakhiwo lwesizwe nokuvunjululwa kwetalente yendalo.

“Besixoxisana nePUBLISH’D AFRIKA malunga nokuba singenza njani ngakumbi, kwaye izinto ezintle ziza kuza kwezi nyanga zintandathu zizayo,” utshilo uCoetzer. Eqhubekeka uthe, “Asinguye wonke umntu onokuba ligqwetha, abe ngugqirha okanye abe lipolisa. Sonke sinesiphiwo ngokwahlukileyo, kwaye kuxhomekeke kwishishini ukunceda ekuvumbululeni nasekutyebiseni iitalente ezinjalo. Yiyo loo nto siyinxalenye yeli phulo.”

Umbono emva kolu khuphiswano kukuvumbulula italente yokubhala hayi eMiddelburg kuphela, kodwa kwilizwe liphela. KweyoMsintsi abaphumeleleyo ngenyanga baya kumenywa ukuba bangenise amabali amatsha aya kuthi ke abe yinxalenye yengqokelela yomsebenzi obhaliweyo (anthology) eya kuthi emva koko ipapashwe. Oku kuya kunceda ekuncedeni ababhali ukuba baqalise amakhondo abo okubhala kunye nokwakha iiprofayili zabo zababhali.

“Ngelishwa, ababhali abapapashiweyo ngaphambili abanako ukungenela ukhuphiswano, lolwabo banqwenela ukuba ngababhali kuphela,” utshilo uMagagula. “Olu khuphiswano lukhatshwa yinkqubo yokufundisa eza kunceda ababhali ababonakalisa isithembiso sokuphucula izakhono zabo zokubhala,” utshilo uMagagula ecacisa.

IPUBLISH’D AFRIKA Online Literary Magazine iyinxalenye yePUBLISH’D AFRIKA ezipapasha ngokwayo, ethi uMagagula wayisungula kunye noSukoluhle Mdlongwa ngo2018. Ukususela ngoko bancede ababhali abangamashumi amabini anesibhozo ukupapasha iincwadi zabo. Ushicilelo lupapasha imibongo, iintsomi, amabali angezontsomi kunye neencwadi zabantwana.

Ukufumana ulwazi oluthe vetshe, qhagamshelana nomseki wePUBLISH’D AFRIKA Online Literary Magazine uSukoluhle Mdlongwa kwa-084 311 8838.