INGATHI kanti umntu ozakuthathela umntu wakho ngulo usecaleni kwakho, ezo zizimvo zoluntu kuTwitter emva kweendaba eziye zathi ndii ngoBoity Thulo kunye no-Anele Papu ekusolwa ukuba baphululana imiqolo.
UAnele Papu, nekutyholwa ukuba sisinqandamathe esitsha sikaBoity, ngusoKhamera weli gqiyazana.
Ubuhlobo besi sibini kudala buqhubekeka nanjengoko benemifanekiso abayithabathe kunye kule minyaka idlulileyo. Abazaziyo bathi, uBoity noAnele Papu baqale ukudyola emva kokuba eli gqiyazana lodumo lilahlwe nguCassper Nyovest.
U-Anele ibinguye ohlala efota esi sibini (Cassper noBoity) xa bezikhuphile njengabathandanayo.
Kwimifanekiso yonyaka ophelileyo eyathatyathwa eZanzibar, nalapho uCassper noBoity babezonwabise elwandle, imifanekiso yayithathwa nguAnele buqu.
Abantu baneengcinga zokuba uAnele lo kudala emakhele umkhanyo uBoity ngethuba ekunye noCassper.
Ucinga ntoni wena ngobu budlelwane?
UTinkler ufuna ukuyibetha iChiefs – qha unexhala leefolosi zayo!