Abaphumelele kwiBEAT Magazine SA Awards ku2016!

Kubusuku bangoMgqibelo, iBEAT Magazine SA Awards iwonge amaqhawe namaqhawekazi aqhubekekayo nokuzenzela igama kwiinkalo ezohlukeneyo zobomi kwiphondo leMpuma Koloni.

Nakubusuku bangoMgqibelo khange kubekho mahluko, iimvumi zomculo, izikhululo zosasazo, abasasazi bazo, ifashoni ukuya kwiiprojekthi kwiMpuma Koloni, zonke ezo zithiwe jize ngamawonga. IBEAT Magazine SA Awards kulo nyaka iwonge umdlali kamabonakude, noyinzalelwane yaseMthatha uNambitha Mpumlwana.

UMpumlwana, nowaziwa kwimidlalo efana neGenerations, Tsotsi, Ashes to Ashes ukubalula nje embalwa, ufunjathiswe iwonga le-My Eastern Cape Award. Eli wonga, lelokuqwalasela abo babeke iMpuma Koloni kwindawo entle ngemisebenzi yabo. I-My Eastern Cape Award sele ifunyenwe nguZizo Beda noLoyiso Bala.

Phambi kokwamkela iwonga lakhe, uMpumlwana nobekhatshwa ngunyana wakhe uVangile, kunye nabantwana bakadade wabo, ubalise ngobomi bakhe bokukhulela kwilali yaseNcambedlana eMthatha, watsho ecebisa namanina asakhulayo ukuba angancami ebomini kwaye angavumeli nabanina aphazamisane noko bakholelwa kubo

Nalu uluhlu oluphumelele kumawonga weBEAT Magazine SA alo nyaka:

A – EVENT OF THE YEAR 1. Ebubeleni Music Festival

2. Natives Summer Party

3. Countdown Music Festival

B – DJ OF THE YEAR

1. DJ Lentor SA

2. DJ PK Dweba

3. Kingwave

C – BEST MALE ARTIST

1. King Meezi

2. PV

3. Cherra

D – FASHION BRAND OF THE YEAR

1. Eastern Cape Originals (ECO)

2. La Street Wear

3. Refined Revolt

E – PROJECT OF THE YEAR

1. Bambiz’utsotsi Mixtape by Rah Lujah 2. EAMNT Tha EP by EAMNT

3. Se7en the Reign by Cherra

F – PROMOTER OF THE YEAR

1. Bandile Magibili

2. Sizwe Ndlovu (Blacksmithed)

3. Mr Shein

G – BEST COMEDIAN

1. Umfundisi Oyinkathazo

2. Prins

3. Shuz Sigobelwana

H – BEST COMMUNITY RADIO STATION

1. Izwilethemba FM

2. Khanya FM

3. Mdantsane FM

I – RADIO PERSONALITY

1. Mavusana (Mdantsane FM)

2. Buhle Geleba (Mdantsane FM)

3. Brother TS (Izwilethemba FM)

J – RADIO SHOW OF THE YEAR

1. Morning Experience

2. For Thetha (Politics)

3. Simunye Drive

K – PERFORMER OF THE YEAR

1. MRC

2. Swagger

3. Rah Lujah IBEAT Magazine SA Award bezibanjelwe eGuild Theatre eMonti. Abaxhasi balo nyaka bala mawonga ngu-Premier Hotel, Vodacom, Keith Ngesi Radio kunye ne- I’solezwe lesiXhosa,