AMAGQIYAZANA amanz’andonga kunomathotholo, uThando Thabethe wesikhululo i-5FM, ekunye noLerato Kganyago weMetro FM, ngabo abazakube bevan’amandla kwisihlandlo esilandelayo seLip Sync Battle Africa kwiMTV.
Lindela imfazwe enikis’umdla nanjengoko la manenekazi mabini angoosaziwayo azokube ekrwempana ukulwela intshinga elandelayo yeLip Sync Battle Africa.
ULerato waziwa ngenkqubo yeMetro FM rhoqo phakathi evekini ngentsimbi yesibhozo kusasa ukuya kweyeshumi kusasa, kwaye kungoku nje undandisela phezulu iflegi yakhe njengomsasazi omtsha weLive Amp.
UThando yena kweliny’icala usasaza kwi-5FM, ngelixa ekwadlala njengoNolwazi kwiGenerations: The Legacy. Ephawula ngazakwenza kule nkqubo, uLerato uthe: “Abantu mabalindele nantoni na, abantu bacinga bayandazi, kanti ngoku ndizakubothusa. Awukwazi ukundigqiba, leyo yeyona nto eyenze kwabamnandi ukwenza esi siqendu. Ababukeli bazakonwaba. Ndiqinisekile abantu abazi ukuba ndiyakwazi ukujay’va!”
Esongeza ngelakhe icala uThando, “Kudala ingumnqweno kum ukuba yinxalenye yeLip Sync Battle, kwaye bekumnandi ukuthabatha inxaxheba kule nkqubo. Ndiyakuthanda ukukhuphisana kunjalonje andithandi koyiswa, andikwazi ukucula, kodwa ndiyacinga ndisebenzile kwesi sihlandlo!”
I-Lip Sync Battle Africa ibhexeshwa ngunobuhle owaziwayo kwezolonwabo uPearl Thusi ebambisene ne “koko master” ekwayimvumi yaseNigeria, uD’Banj.
Isiqendu sokuqala (esisasazwe nge14 kuTshazimpuzi) sibone abo bazizidala uCassper Nyovest kunye noBoity Thulo bekweyabo imfazwe. Yenz’idinga noLerato kunye noThando kwiLip Sync Battle Africa kwiMTV (DStv channel 130) ngoLwesine we21 kuTshazimpuzi/ Epreli ngo20:50 ukuze uzibonele. Xa uphosiwe ungabukela iMTV Base (DStv channel 322) ngo11:30 ngoMgqibelo we-23, nakwi-e.tv ngoMgqibelo we30 ngo18:05 .
IPirates iza kudlalela ukuyibetha iSundowns, utsho uJose Riveiro