AbaseMpuma Koloni baqaqamba kwiBig Brother

ULibo Njomba kunye noTulani ‘Tulz’ Madala benze imbali njengabokuqala abazalelwe eMpuma Koloni abakhuphisanayo ukufikelela kumjikelo wokugqibela wenkqubo yeBig Brother Mzansi. UBig Brother Mzansi osihloko othi Beke le Beke ubuyile ngomhla we23 kweyoMqungu emva kokuba engekho emoyeni iminyaka emithandathu ngesithembiso sokuba iya kuba lixesha elinika umdla lokubuya.

UNjomba waseQonce, ngobusuku bokuqala evela kwiBBM watshisa amakhasi onxibelelwano kwaye wenza umbono omhle wokuqala kubabukeli. Uye waba namahlandenyuka kulo mboniso, kuquka nenye yezona zinto kuthethwa ngazo ukuqhawuka kobudlelwane. Loo nto ayizange imtyhafise nanjengoko ephumelele ukhuphiswano kane endlini kaBig Brother.

Umtsalane nokuhlekisa kukaNjomba bamenza ukuba athandwe ngoogxa bakhe kwaye bengafane afumane iivoti ezimchasayo.

UMadala ongowaseMonti, uligcisa lelizwi, ngumdlali weqonga nomsasazi. Ilizwi lakhe elinzulu kunye nendlela athetha ngayo ngokukhawuleza yenza abantu baqaphele italente yakhe yendalo. Ubukho bakhe kunye nokungafihlisi kwakhe kwamenza wangqubana ngeentloko nabagqatswa abambalwa.

Kodwa iinzame zikaMadala zokudlala lo mdlalo zimenze wafumana intlonipho kubabukeli. Waqamba igama elithi, “phunyuka bemphethe” ngokusinda kwivoti yoluntu ngokusindiswa izihlandlo ezithathu ngoogxa bakhe. UMadala wayengungqondongqondo kwiqela lakhe kwaye bekhokele kumdlalo.

Ekugqibeleni, uNjomba kunye noMadala bakhethwe ngomnye abamanyane naye uThemba Mabaso ukuba baqhubekeke baye bonke kumanqam. Oku kusemva komdlalo wabo obalaseleyo kule sizini.

Omnye ngu-Ukho Samela waseKomani owaziwa njengoSis Tamara owaba iintliziyo zoMzantsi Afrika. Lo mfundi wefilimu waziwa ngokukhuphisana kwakhe, ukuhlekisa kunye nokuzonwabisa.

USamela usebenzise iqonga leBig Brother ukuthetha ngokuphandle ngesini sakhe nokufundisa abantu. Wakha ubuhlobo obukhulu noNjomba noMadala. USamela ungenile kwindawo yesibhozo kwaye ujonge ukugxothwa. Ikamva lakhe lokuba angadibana noNjomba noMadala ku manqam alomboniso liza kufunyanwa ngeCawe, umhla we27 kweyoKwindla. Ababukeli bavotela abantu ababathandayo ukuba babathumele kumanqam.

Amanqam weBig Brother Mzansi aza kuba kwinyanga ezayo ngomhla wesithathu kuTshazimpuzi. Ophumeleleyo uza kuhamba nezigidi ezibini zeerandi.