Abawuvali umlomo abaye kuMnyhadala woMngqungqo eKapa

UThandiswa Mazwai enyonyoza nabalandeli bomculo womngqungqo abanguPamela Nyokwana noQiqa Mqubi eKapa.

Kapa – Amawaka abathandi bomculo womngqungqo bephuma kwihlabathi jikelele bebedibene kwisixeko seKapa bezokuzonwabisa kumsitho waminyaka le womculo womngqungqo (Cape Town International Jazz Festival). Sele ingunyaka weshumi elinesibhozo lo msitho uqhuba kwaye ibalelwa kwiqela lemisitho ephezulu yonyaka kwihlabathi jikelele.

Lo msitho walo nyaka uqale ngoLwesihlanu umhla we-31 kweyoKwindla ukuya kumhla wokuqala kuTshazimpuzi. 

Kusuku lokuqala abathandi bomculo bonwatyiswe ziimvumi ezifana noTshepo Tshola, Manu Dibango waseCameroon ekunye noMoreira Chonguica waseMozambique. Ukanti neqela le Mango Groove noJonas Gwangwa nabahlobo bakhe bebekhona besonwabisa abathandi balo mculo.

Kusuku lwesibini odumileyo uJudith Sephuma, Laura Mvula, Darren English babagcine bonwabile abantu. 

Kwiqonga elihlawulelwayo nelikhethekileyo – iRosies – ulibethe lazala bade bashiyeka ngaphandle abanye abathandi bakhe uThandiswa Mazwai nocule iingoma ezihlonipha amagqala kulo mculo, ingakumbi amanina ekuquka kuwo uMiriam Makeba, Dorothy Masuka, Busi Mhlongo. UMazwai uthe “ngezi ngoma ndinika intlonipho kubafundi abagcine umzabalazo usaqhuba kumaziko emfundo ephakamileyo!”

Ukanti okukugcwala kweli cala likhethekileyo kudale uxinano nomsindo kubathandi bomculo kaThandiswa Mazwai. Igumbi eli ebeculela kulo libamba inani elincinci nto ethethe ukuba abantu abaninzi baphelele phandle bezibuza ukuba kutheni uMazwai engaculiswanga kwiqonga elikhulu elifana neKippies. Bambi bekhala nangokubhataliswa amashumi amathathu eerandi ngaphezu kweR690 abathenge ngayo amatikiti ukuze bangene kweli cala likaMazwai.

Nangona kunjalo ulonwabo luye lwaqhubeka kwamanye amaqonga. URenelwe Makotla waseRustenburg uthe, “Ndaqala ukuza kulo msitho ndisahamba nomama wam ndineminyaka engamashumi amabini kwaye andizange ndaphinda ndaphoswa kwaye ngoku nam sele ndingumama ohamba nentombi eneminyaka elishumi elinesibhozo.”

UNosandise Rhaqo, osuka kwiphondo leMpuma Koloni uthe, “Ndize apha nomyeni wam, sibhiyozela iminyaka emithathu sisemtshatweni, indlela endiwonwabele ngayo lo msitho andiqondi ukuba ndakuphinda ndiphoswe.” 

Abanye bathe ukufika kwabo emakhaya bazakuqalisa ukulungiselela owonyaka ozayo, babeke imali bucala.