ABEBEFUDULA bekwidesika yeendaba zesiXhosa nezesiZulu eSABC 1 balifulathele eli jelo losasazo bazibandakanya neNewzroom Afrika.
Umfundi weendaba zesiXhosa uLisakhanya Pepe, uThabile Makapela obekwimozulu yesiXhosa, uPumza Sikumba wolwimi lwezandla, uThabile Mbhele owayefunda iindaba zesiZulu kwakwiSABC1; uDicksy Mdlalose obesisanuse semoyezulu kwiindaba zesiZulu noKhethukuthula Makoatsane wolwimi lwezandla – bonke bazibandakanye neli jelo.
Oku kuza emva kokuba iNewzroom Afrika isungule icandelo elitsha leendaba zesiNguni eziza kudlala kuMzansi Wethu (DStv Channel 163).
Aba basasazi batsha baza kufunda iindaba zeli jelo ezibizwa ngokuba Iindaba Zethu/ Izindaba Zethu ukuqala ngowe27 kule nyanga yoMdumba ngentsimbi yesixhenxe ngokuhlwa.
INgqonyela yeNewzroom Afrika, uThabile Ngwato, uthi ukuzisa iindaba ebantwini ngeelwimi zabo zenkobe sesinye sezicwangciso sesi sikhululo sokugcina uluntu lunolwazi lokwenzekayo ezindabeni.
‘’Kwasekuqaleni sayibeka yacaca eyokuba injongo yethu kukuza nenkonzo ethembakeleyo nechanekileyo yeendaba, kwaye siyazingca ngokuza neendaba zesiZulu nesiXhosa nanjengokuba sithabatha uhambo olutsha,’’ kutsho uNgwato.
Ithuba lokufunda ukuqhuba kwabakhubazekileyo baseAmathole