Akabafundeli ndaba, ubadlalela umculo!

NGUWASHIYWA kwiSmirnoff 1818 Shaya Ingoma Female DJ Competition – ilelo nelo inenekazi lizifuna kolu khuphiswano.

Olu khuphiswano lukhangela amanenekazi afuna ukuphucula isakhono sawo sokuba ziDJ.

Ngokwenza oku, iSmirnoff 1818 sinethemba lokuvala umsantsa ophakathi kwamadoda nabasetyhini kwaye sibeke esithatheni isakhono sala manina.

UDJ Zeed ngomnye obone eli thuba, wagqiba kwelokuba asabele. Xa uDJ Zeed engajuxuzisi bantu kwiindawo zolonwabo, waziwa njengoBukiwe Zide ofunda iindaba kuMhlobo Wenene FM.

Waqala ukuqatshelwa njengeDJ ngethuba edlala kwinkqubo yeBEE kuMhlobo Wenene ngo2018.

UDJ Zeed uthi ebemathidala ukuthatha inxaxheba kolu khuphiswano, kodwa abahlobo bakhe bamtyhalela ukuba angenele.

“Andizange ndangenela noluphi na ukhuphiswano ngaphambili. Ndicinga ukuba ndoyika ukuphoxeka,” kutsho uDJ Zeed encokolela I’solezwe lesiXhosa.

Ukuze ezi DJ zizibeke ethubeni lokuphumelela beziyalelwe ukuba zenze iMix yemizuzu emithathu, equlethe iingoma ezintandathu. Le mix bekufuneka ixhonywe kuFacebook okanye uInstagram walowo ungeneleyo phambi komhla wesithoba kule nyanga.

UDJ Zeed ulandele yonke le migomo waze wabongoza abalandeli bakhe ukuba bamvotele.

“Kukho ividiyo ekuFacebook wam, kufuneka wena uyithande (like) ze emva koko uyipapashe (share) ngokubhala iihashtag ezithi #SummeryeSmira no #ShayaIngoma1818

Ukuba uDJ Zeed uyaphumelela uza kumka nekhulu lamawaka eerandi (100 000), uhambo olusingise kwiMiami Winter Music Festival 2022 oluxabisa iR200 000, ikhontraka yeenyanga ezintathu edlala kunomathotholo kazwelonke nokunye okuninzi.

“Ukuba ndinokuphumelela ndingathenga izixhobo zokwenza lo msebenzi wokudijeya,” kutsho uDJ Zeed waseLibode.

Le DJ ithi nangona iphulaphula wonke umculo, kodwa ithanda isingqi sikaDJ Black Coffee, uDa Capo noDJ Sox.

UDJ Zeed uthi uyakonwabela ukubona abantu bonwabele umculo wakhe, bejuxuza kwaye becula iingoma azidlalayo.

Olu khuphiswano lakuvalwa ngomhla we18 kweyoMnga.