UMDLALI odlala indawo yokuthakatha kumdlalo Igazi, uthi uyakuqonda ukukhathazeka kwabantu aboyika inyoka njengokuba ingumyeni wakhe kulo mdlalo odlala rhoqo ngeeCawe kuMzansi Magic.
UZikhona Sodlaka odlala indawo kaS’cotho onomyeni oyinyoka uMgcezulu, uthi akanangxaki nendawo ayidlalayo futhi uyakuqonda ukukhathazeka kwabantu.
Igazi belidlala isiqendu sesibini izolo. Ukuqala kwalo kwiCawe yeveki ephelileyo, abantu bebekhalaza besithi boyika inyoka uMgcezulu.
UZikhona uthe, indawo ayidlalayo iyinxalenye yomba oxoxwa ngalo mdlalo, ngokuhamba kwexesha abantu bazakuyiqonda ukuba kutheni edlala le ndawo.
Uthe uS’cotho noMgcezulu babetshatile bethakatha, kwaye kuthe xa kusweleka uMgcezulu, uS’cotho wenza ukuba umoya wakhe ungene kule nyoka waze wayibiza ngomyeni wakhe, ukuze baqhubeke benze izinto abebezenza esaphila.
“Ndiyavuya ukudlala le ndawo, kwaye ndiphandile ngobugqwirha, ndafunda ngabo ukuze ndazi ukuba bangabantu abanjani, abaphila kanjani,” kutsho uZikhona.
“US’cotho ungumntu ongavani nokudibana nabantu, akanamhlobo ngaphandle kukaMgcezulu nomzala wakhe uNomarashiya. Yiyo le nto ezihlalela endlini enguronta futhi enxiba into enomnqwazi ofihla ubuso,” utshilo uZikhona.
UVilakazi usola usompempe ngokuphuma kwaMaZulu kwiNedbank Cup