Amagcisa aya ngeentliziyo eMakhanda!

KUZA kunyanzeleka kukhale ibhungane kulo nyaka kwizitalato eziqhele impithizelo yeziyolo eMakhanda ngexesha lasebusika.

Oku kusemva kokuqhambuka kwentsholongwane yeKhorona, efike yachaphazela okuninzi nokunyanzeleke kuhlehliswe.

Abavelisi balo Mnyhadala kaZwelonke wezobuGcisa, bathi kuba besazi igalelo eliza nalo mnyhadala eluntwini, ingakumbi amagcisa, bathathe isigqibo sokuqhuba nezinye zeenkqubo zawo ngonxibelelwano lobuxhakaxhaka bale mihla.

“Singulo Mnyhadala wezobuGcisa besisexhaleni, sicinga, sixoxa ngesinokwenza ukuqubisana nale khorona ivimba ihlabathi umnyhadala waminyaka yonke.

“ Ngenxa yokuvalwa kwamatheko amakhulu, asikwazi ukuvumela abantu abangaphezu kwekhulu bahlanganisane,” kutsho abaqulunqi beNational Arts Festival.

“Ngenxa yokuvalwa kokuhambahamba kwanokusetyenziswa kwezithuthi zikawonkewonke, amagcisa ethu neendwendwe, abakwazi ukufikelela eMakhanda, nathi asikwazi ukufikelela kubo.

“ Asikwazi kubanegalelo kusasazeko lwale ntsholongwane kwaye siyakuqonda kakuhle ukuba eli lixesha lokuzichwethela bucala eluntwini,” kutsho abaqulunqi balo Mnyhadala.

“Emva kokucingisisa, siphulaphula, sifunda, sixambulisana kwaye sithetha, size necebo, sithathe isigqibo esingazange sasenza ngaphambili. Ukusukela ngowe25 kaJune ukuya kwi5 kaJuly 2020, iNational Arts Festival iza kube iqhuba kubuxhakaxhaka bomnatha iintsuku ezilishumi elinanye.”

Abaqulunqi bathi oku kuthetha ukuba lo mnyhadala uza kuqhuba uxhasa amagcisa nobugcisa nakunyaka ka2020, ngokubonisa umsebenzi wawo kwezomnatha.

“ Ngale ndlela singakwazi ukwabelana ngefuthe nethemba nabo bakube besavaleleke emakhayeni abo. Sibaphe ithuba lokunxulumana ngelixa sicelwa ukuba masiqelelane omnye komnye,” kwazisa abaqulunqi.

Abaqulunqi bathi bayazi ukuba amagcisa axhomekeke kwiminyhadala efana neNational Arts Festival yaseMakhanda ukwenza ingeniso ngokuthengisa amatikiti, ukubonisa ngomsebenzi wabo ukuze ube ngundabamlonyeni ehlabathini, kwaye anxulumane nabalandeli babo.

Abavelisi balo Mnyhadala endaweni yokuwuhlehlisa, bathi injongo yabo kukudalela amagcisa amathuba amatsha noluntu ukuze lubhiyozelele ubugcisa, ngokunjalo nokudala iqonga lokwabelana ngomsebenzi kumagcisa.

Izigidi zabantu eMzantsi Afrika kule nyanga ziye zaqelelaniswa omnye komnye.

Abantu bazibone bengakwazi ukuya ezinkonzweni, ezikolweni, emisebenzini, okanye banxulumane ngaphandle kosapho lwabo.

Ezi zezinye zendlela zokuphepha kokusasazeka kwentsholongwane yeCOVID-19.

Abavelisi beNAF bathi baqonde mabenze esi sigqibo kwangoku.

“Sineentsuku ezingaphezu kwekhulu ezishiyekileyo phambi kokuba sifike kusuku lokuvula. Eneneni asinokukwazi ukulinda amagcisa alungiselele umnyhadala onokuqhuba okanye ungaqhubi. Asinokucela abaxhasi bethu benze izicwangciso zabo, bafune iindawo zokuhlala nezithuthi, kwaye asinakufuna abanikezelinkonzo bethu bahlale belinde ilize, “ kutsho abaqulunqi beNAF.

Embalini yeNational Arts Festival, iza kube iqala ukuqhutywa olu hlobo.

Abaqulunqi balebele ngokuthi lo iza kuba ngunyaka onzima kuluntu lwaseMakhanda neMpuma Koloni nanjengoko iCOVID-19 ichaphazele uzinzo kuqoqosho.

Abaqulunqi ngoku bathi basafakan’ imilomo nabaxhasi nabatyali balo Mnyhadala abafana norhulumente wephondo, iStandard Bank, iSebe lezobuGcisa neNkcubeko, uDistell noMultichoice ukuze kucwangciswe kakuhle.

“Sakuthetha ngqo namagcisa kwakunye nabarhwebi ababhalisele ukuthatha inxaxheba kulo Mnyhadala ka2020.”