Amaphupha kaKashe kwiminyaka elishumi yosasazo

KWIMINYAKA elishumi yokonwabel’ ukusasaza kunomathotholo wasekuhlaleni, uBulelani Kashe akakalincami iphupha lakhe lokuzibon’ esasazel’ ilizwe lonke.

UKashe, 32, ufinca iminyaka elishumi esenza akuthanda kunene – ukusasazela abaphulaphuli baseMonti neziphaluka.

Wazalelwa ze waphinda wakhulela kwilokishi yaseMdantsane eMonti.

Apha kulapho aqale khona ibakala lokuqala esikolweni de waphuma kwiMatriki.

Lo msasazi, odume ngesakhono esingumangaliso emva komboko, uxelele I’solezwe lesiXhosa ukuba usafuna ukutshintshiselana ngeqonga losasazo namakhwahla ezosasazo lukanomathotholo.

Waziwa ngelizwi lakhe eliqolileyo nelithi ndiphulaphule kumaz’ omoya.

UKashe uba nemincili xa ekubalisela ngeminqweno yokuchopha kwisitulo soMhlobo Wenene FM.

“Ndizibona ndisesikhululweni esikhulu eMzantsi Afrika, Umhlobo Wenene FM, ndizive ndisithi ‘unoMhlobo Mhlobo’ – kwaye elo phupha lakuze lifezekiseke ngeny’ imini,” kutsho uKashe ebonakala eqinisekile.

“Bendingumntu oyithandayo kakade iwaylese kwasekukhuleni kwam, ngokuba into endiyithandayo ekusasazeni, umsasazi ngoyena mntu ubalulekileyo oza nezinto ezenzekayo ehlabathini. Lilonke ndingumntu othanda ukuthetha izinto ezibakhayo abantu,” kuncokola uKashe.

UKashe udibene neMdantsane FM kanye xa esandul’ ukuphuma esikolweni. Waqala njengomqulunqinkqubo weenkqubo zangempelaveki. Emva koku uthi uye wahamba wayokungena embokweni, apho afike wenza inkqubo ethi ‘Iinkonzo Zoluntu’ emva kokumka komsasazi owayeyenza.

UKashe uchitha ixesha lakhe elininzi esenza iinkqubo ezohlukeneyo zoMdantsane FM eziquka iWeekend Breakfast, inkqubongxoxo ethi Thetha Mhlali, iJazz kwanenkqubo yezenkolo ethi Umzuzu noThixo.

Akapheleli nje ukubasemoyeni eMdantsane FM, ukwazixhobisa nangokuhlengahlengisa umculo odlalwa emoyeni, aphinde abe lilizwi lesi sikhululo.

Uthi ufunde usasazo kumagqala osasazo lukanomathotholo afana noNtsiki Maphosa, uLulu Haarmans, uMbulelo Ngewu, uLuzuko Koti, uZola Kaso-Majiza, uDavid Mashabela, uBob Mabena noMama kaMa-Asi.

Ucebise oogxa bakhe abasasebenzela oonomathotholo basekuhlaleni ngelithi iphupha alincanywa.