ASHES TO ASHES: Isidala sikaTsietsi uMalaika, siyagaleleka!

UTHULI THABETHE uzakudlala indima yalowo wayekade encuma noTsietsi Namane kumdlalo i-Ashes to Ashes.

UTsietsi (odlalwa nguNyaniso Dzedze) kubonakala ukuba wayengudlalani othile kudala, esakhula. Phantse onke amantombazana esikolweni ayemfunela kuwo, kodwa yena wayezithandela uMalaika (odlalwa nguThuli Thabethe).

UThabethe sele esaziwa njengomdlali kamabonakude, udlale kwimidlalo efana ne-City Ses’la, The Mayor, iThuba Lokugcina, Isibaya njalo njalo. UMalaika uyagaleleka kwi-Ashes to Ashes ekuzeni kuphela kwenyanga yeSilimela/Juni, kwaye uza enembali yokophukelwa yintliziyo ezandleni zikaTsietsi.

Yintwazana enoluvo kwaye ethetha phandle. UMalaika wamlahla uTsietsi kuba wayengamthembi. Wophula iintliziyo zamantombazana amaninzi awayenobudlelwane nawo, waqonda uMalaika ukuba makamophule intliziyo kuqala ngokuziguzula kuye. Usebenzela i-AWUSA, ngoko ke yena noTsietsi bazakuhlangana kwiingxoxo zesivumelwano phakathi kwe-AWUSA neNamane Funerals. Kuvakala ukuba uThabethe uzokwenza * -tshe kule ndima, akazokuhlala kuyo. OMNYE omtsha ozakufika kungekudala nguDisebo, odlalwa ngumdlali wemiboniso kamabonakude uShoki Mokgapa. UMokgapa simqhelile kwimidlalo efana ne-The Lab kunye ne-Intersexions. UDisebo uzibandakanya okwexeshana njengomcwangcisi wemingcwabo eNamane Funerals emva kokubaleka ekhayeni lakhe eliseFree State.

Washiya ikhaya lakhe emva kokunyanzelwa emtshatweni owawuqulunqiwe, nalapho wasingisa eRhawutini phambi kokufumana itorho eNamane Funerals.