Bachwayitile abadlali beThe Queen

UThembsie Matu onguPatronella noRami Chuene onguGracious abadlala kwiThe Queen

IBIYIMIGCOBO yodwa kubadlali beThe Queen edlala kuMzansi
Magic, ngethuba bephumelela iimbasa kwiFeather Awards ebezibanjelwe kwiholo
laseGoli.

Abadlali balo mdlalo udlala ngentsimbi yethoba ebusuku, nabathe baphumelela
iimbasa baquka, uRami Chuene odlala indawo kaGracious, uMichelle Mosalakae
onguKamina, uBohang Moeko onguTrevor kunye noThembsie Matu odlala indawo
kaPatronella.

UThembsi uphumelele imbasa yeDiva Extraodinaire, uMichelle yeHot Chick,
uBohang eyeHunk of the Year, waze yena uRami waphumelela eyeFag Hag.

Lityeli leshumi ziqhuba iFeather Awards. Ukanti umcimbi lo ubuphethwe
ngusaziwayo uSomizi Mhlongo.

Uluhlu lwabaphumeleleyo lume ngolu hlobo:

Best
Styled Male – Riky Rick

Best
Styled Female – Ayanda Thabethe

Cutest
Couple – Steve & Lucy Letsike

Diva
Extraodinaire – Thembsie Matu

Drama
Queen – AKA & Matlapa

Fag
Hag – Rami Chuene

Hot
Chick – Michelle Mosalakae

Hunk
of the Year – Bohang Moeko

Media
Award of the Year – GaySA Radio

Musician
of the Year – Sjava

Role
Model of the Year – Ntsupe Mohapi

Socialite
of the Year – Yaya Mavundla

Sports
Personality – Hlengiwe Buthelezi Simon Nkoli Award – Phumi Mthethwa

African
Feather of the Year – Denis Nzioka

Social
Media Personality of the Year – @Fistvoices