Bakorobhe ngeenwele zikaReggie noBetusile!

INDUMASI yemigidi emibini yokubhiyozela ukubuya kwamakrwala esuthwini, ibangele oosaziwayo ababini bazibone sele bejike bazizikorobho kuFacebook kule veki.

Isankxwe siqale ngendumezulu yoMgidi kaSihle [Sidiki] obuseViedgesville kwimpelaveki ephelileyo, apho uluntu lutshone kumakhasi onxibelelwano ngezimvo ezohlukeneyo emva kokubona lo mgidi kanokutsho nobukudidi oluphezulu.

Imvumi yegospile, uBetusile Mcinga, ekunye nabanye oosaziwayo eMpuma Koloni bebeyinxalenye yabamenyelwe kulo mgidi, ekuthiwa ngamaphephandaba udle epokothweni yezibazana, uPhathiswa Sidiki, imali efikelela kwisigidi seerandi.

Abantu khange bazibandeze ukuncoma lo mgidi wonyaka, ngelixa abanye begxeke inkcitho “ebinganyanzelekanga” ngokutsho kwabo.

Ezama ukulungisa abagxeki, uBetusile ubhale kuFacebook wakhe esithi xa ufuna umntwana wakho ayalwe ngoongantweni ekuhlaleni, akukho ngxaki, uSidiki makangagxekwa ngesenzo esihle kunyana wakhe.

Ithe kanti le ntetho kaBetusile ayiginyisiswanga ncam ngabahlali, baze bakhwela bezehlela kuye, bambi ngezithuko, bemtyhola ngokujongela phantsi abo bahluphekayo ngalo mbhalo.

Le mvumi iye yawususa kamva lo mbhalo.

Ukanti omnye umlilo uqalwe nguMgidi kaBoy eQonce, nalapho umsasazi kanomathotholo, uReggie Solani, ezibone ephoswa edikeni lomlilo.

USolani ubhale kuFacebook wakhe esithi akayiqheli into yomntu omemela abantu emcimbini, kodwa kufikwe kuye sele eqhuba amatakane.

Abahlali batyhole lo msasazi weBhrakfesi yeTruFM njengokwekwa uLonalinamandla Bawuti.

UBawuti nguye owathathela kuye uxanduva lokolusa umntwana owayengenamntu wokumolusa, encedwa luluntu olwafaka isandla lulungiselela lo mhla mkhulu woMgidi kaBoy.

Umbhalo kaSolani ubangele uBawuti, osele eteketiswa njengeZibazana leSizwe aziphendulele ngomsindo, ebhekisa kulo msasazi njengothanda ukuqatshelwa.

USolani uphinde wawucima lo mbhalo, ecela uxolo kubahlali ngelithi bengabhekisi kuBawuti. Sekubonakala ngathi esi sibini senze uxolo.

Yhu! Itshatshalaza engaka sivuka!