Bangqungqa egameni likaMandela eMthatha

IMINYAKA isibhozo ngoku kususela oko kwabhubha itshantliziyo lenkululeko elalikwanguMongameli wokuQala oNtsundu eMzantsi Afrika uNelson Rolihlahla Mandela.

Usuku awasweleka ngalo uMandela, kulo nyaka iza kuba lusuku lwengoma.

IEastern Cape Jazz Festival ibambisene neNelson Mandela Museum zikhumbula uMadib’ omde ngokubamba iKhonsathi yoMculo eMthatha Country Club ngomhla wesithathu kweyoMnga.

Oququzelela iEC Jazz Festival, uxelele I’solezwe lesiXhosa ukuba obu busuku iza kuba bobesingqi esinxilis’ abathandi bengoma.

Ikumkanikazi yesingqi somngqungo uJudith Sephuma, ilizwi elimyoli likaVusi Nova, igqala uSipho ‘Hotstix’ Mabuse, uDumza Maswana noAmanda Black- baza kutshintshiselana ngeqonga ngale mini.

UNtloko uthi ayingomnqa into yokukhumbula uMadiba ngengoma.

“UNelson Mandela bengelotshantliziyo lenkululeko nje kuphela, kodwa wayekwawuthanda umculo. Ayothusi eyokuba sikhethe ukubhiyozela umsebenzi wakhe ngengoma, elulwimi lwehlabathi lonke. Siyi-EC Jazz Festival isingqi nengoma kuphela kolwimi esilwaziyo, ngoko ke ukukhumbula uMadiba ngengoma, kuvakele ilicebo elihle,” kutsho uNtloko.

Ukwathe eli linyathelo lokukhulisa uqoqosho lwephondo nokulibeka esithatheni.

“Ezinye iimvumi ziza kwaziswa kungekudala kuquka noosaziwayo abamenyiweyo. Abantu ngale mini mabalindele okuninzi okuquka umculo, izidlo nolonwabo,” kutsho uNtloko.

Umnyhadala woMngqungqo weMpuma Koloni wasungulwa ngo2019 nalapho kwiqonga lawo kubonwe amagqala eemvumi afana noSelaelo Selota noSibongile Khumalo.

UDalibhunga wasweleka ngomhla wesihlanu kweyoMnga ngomnyaka ka2013.

Amatikiti aqala kwiR200 eComputicket.

Ngengcombolo ethe vetshe ungatyelela kwa-www.ecjazzfest.co.za