Bankqonkqoza kwaAzola, bezicelela amaphakade

ABAKHANGELA amaqabane bathembele kuTwitter nalapho ubani angadibana nephakade lakhe.

Kaloku rhoqo ngeeCawe, abo bazikhangelela oondofanaye basebenzisa ikhonkco elithi #UmjoloWithAzola ukuzibeka ethubeni lokubonwa.

Seyingunyaka wesine ngoku #UmjoloWithAzola unxulumanisa abo bazibona befanelene. Eli khaya lokudibanisa izithandani laqulunqwa yinzalelwane yaseCala, uAzola Mlota.

Exelela I’solezwe ngokufika kwengcamango yokusungula eli khaya lezithandani.

“Yaba licebo eleza nesihlobo kumakhasi onxibelelwano, uThabo Makota. Wathi kum ‘Azola, kuba unabalandeli abaliqela kuTwitter, kutheni ungaqali ihashtag yokunceda abantu bafumane uthando?’ Ndaqonda mandiyizame le nto, ndakhuthazwa yimpendulo yabantu. Ndaze ndaqala ngo2018 ukuyimilisela,” kubalisa uMlota.

Ukususela ngoko Umjolo noAzola ukhula yonke imihla. Namhlanje bamalunga nama30 000 abalandeli abaqale beyi600 kuphela abakroba kuTwitter kaMlota ngeeCawe, ethembeni lokuba lowo ukhangelayo uya kubhaqa nto.

UMlota uthi naye sele ezame izihlandlo eziliqela ukufumana uthando esebenzisa ubuchule bomnatha, kwaye uyakholelwa kulo.

“Ndiyakholelwa kuthando olufumaneka kwi-intanethi (online dating). Nam ndinamabali amaninzi empumelelo. Oko kunika ithemba nakwabanye abantu, lokuba ngokwenene uthando olufumaneka kwi-intanethi luyasebenza,” kutsho uMlota ebalisa ngamava wakhe.

“Siphila kwihlabathi apho unxibelelwano ngomnatha seyibubomi bemihla ngemihla, kwaye wonke umntu ukumakhasi onxibelelwano, oko kuthetha ukuba kulula kubo ukunxibelelana, bazane kwaye bahlangane. Amakhasi onxibelelwano enze izinto lula, abantu bafumana ithemba,” kutsho uMlota okhuliswe ngumama wakhe eElliotdale.

UMlota uneeOnazi kwezeeLwimi (Language Practise).

Uthi okumnandi ngomdyolo wakwi-intanethi kukuba unethuba lokuzikhethel’ omthanda njengofishi.

“Ukuze xa loo mntu engahambelani nomgangatho kwaneemfuno zakho ube usenethuba lokukhawuleza ukhangele omnye lula,” kutsho uMlota , esithi okubi kukuba abanye babangamaxhoba okuqhathwa ngabantu, nto leyo eyenza uninzi lube mathidala ukuthabatha inxaxheba.

UMlota uthi #UmjoloWithAzola ulandelwa kakhulu ngabantu abaphakathi kweminyaka engama21 ukuya kuma48 ubudala, abantsundu bakwi90% ngelixa i10% ingabamhlophe.

Ngoku lo menzi wezithandani uceba ukufumana umoya kumabonakude nonomathotholo. Ukanti sele ekhona rhoqo ngoMvulo kwisikhululo sikazwelonke sesiNdebele.

UMlota ukwasungule newebhusayithi entsha yomdyolo ekuqaleni kwalo nyaka, kwaye sele inamawaka amabini amalungu ayisebenzisayo.

Ucebise abo badyola ngobuxhakaxhaka bonxibelelwano ukuba bangakhawulezi babelane ngeenkcukacha zabo, oku kuquka izazisi, iakhawunti yebhanki nokunye ukuphepha ulwaphulomthetho olufana nokuthengiswa kwabantu.

“Siphila kwilizwe elikhohlakeleyo apho abantwana bethu namanina beba ngamaxhoba kwizinto ezininzi. Ukuzikhusela ke, abantu kufanele bangazithi pa-ha iinkcukacha zabo ezibalulekileyo kumdyolo womnatha.

“Ewe, kufuneka ungazifihli ukuba ungubani, kodwa sukudiza yonke into phambi kokudibana neqabane elo.

UMlota ubambe ngazibini kwiqela asebenza nalo eliqinisekisa ukuba abantu bafumana inkonzo eyonelisayo ku- #UmjoloWithAzola.