Bayabhenquza yingoma kaMr Vee

Ewe lingagqitha lona ixesha leziyolo zemigidi, imitshato neminye imicimbi yasekuhlaleni, kodwa iingoma eziculwa kwezi ndawo aziyi kwandawo.

Kuba ngcono nangakumbi xa ezi ngoma zifumaneka nakumakhasi onxibelelwano afana neTik Tok. Nguwe ke lowo ushiyeka ungqisha ngonyawo phantsi, ulinganisa, ngelixa ubukele iividiyo zazo.

Inzalelwane yaseMdantsane, uVuyisani Sholo, odume ngelikaMr Vee, uqokelele ezinye zezi ngoma waze wazicula ngendlela emnandi exutywe nesingqi sala maxesha.

Iividiyo zikaMr Vee ziye zasabalala kuTik Tok nakwamanye amaqonga onxibelelwano ecula ezi ngoma zithandwa kunene emicimbini yesintu.

Iingoma ezifana nethi Akalali, Ndizele, Ubodumzela, Ndiliyokoyoko nezinye zikrotywe zaze zathengwa ngabantu abaninzi.

Encokolela I’solezwe lesiXhosa, uSholo, owaziwa kakhulu ngomculo wegospile, uthi ukuze enze olu hlobo lomculo ukhuthazwe kukunqaba koshicilelo lwawo. Uqale ngokukhupha ingoma ethi Akalali kuDisemba esisuka kuye.

“UAkalali yingoma yesintu evame ukuculwa emcimbini wesiXhosa, njengomgidi. Ukwenza olu hlobo lomculo ndikhuthazwe kakhulu kukunqongophala koshicilelo lwawo, kuba zimbalwa kakhulu iimvumi eziwenzayo umculo wesiXhosa okumila kunje. Ndikwakhuthazwe luthando nenkxaso yabantu bakumakhasi ezonxibelelwano anjengooTik Tok,” kuncokola uSholo.

USholo uqale ukucula ngo2003, esebenza neemvumi ezifana noButho Vuthela, Betusile Mcinga, Master Dee, Mr Thela noMshayi, ukukhankanya nje abambalwa.

“Uninzi lwabantu luqale ukundiqaphela ngonyaka ka2015 emveni kokuba ndishicilele icwecwe lam lesibini elinengoma eyaduma kakhulu ethi Nam Ndiyamangala, laze lachongwa kwiimbasa zomculo wezokholo kwi-Independent Gospel Music Awards (INGOMAs).”

USholo unezicwangciso zokukhupha icwecwe elineengoma ezintandathu (EP) kulo nyaka eliza kuba neengoma zesiXhosa eziculwa kwimibhiyozo efana nemitshato nemigidi.

Uthi kweli cwecwe unqwenela ukusebenza neemvumi ezinjengoDumza Maswana, Vusi Nova, Ntando Bangani noSniezy Msomi.

Ungakhangela ezi ngoma kumaqonga eengoma kwi-intanethi.