Bayifun’ apha ‘into’ emnandi kaDJ Zeed!

ELOWO nalowo ufuna ukuzifikisela kuNcuthu MaGaba, gxebe MaZangwa lentw’ emnandi kaBukiwe ‘DJ Zeed’ Zide.

Ukuqala ngoLwesibini, umndilili ububhala kwikhasi likaDJ Zeed ufuna ukungcamliswa “kwinto yakhe” ekuvakala ukuba imnandi.

I’solezwe lesiXhosa lifune ukuqonda ukuba yintoni le lo nondaba woMhlobo Wenene FM aphisa ngayo ephambanise wonke ubani, kanti oku kusemva kokuba uDJ Zeed ebhengeze ukuba ukhuphe ingoma yakhe yokuqala etshisa bhe.

Uthi usabele ikhwelo emva kokuba abantu bethe kuye makapheke eyakhe ingoma.

“Nithe ‘Dj Zeed pheka eyakho ingoma kuLate ngoku,’ nam ndasabela,” kutsho uDJ Zeed.

Uthe usengaphakathi ekhitshini noMaster Dee Zilimbola wodumo lweeNyembezi zikaGogo kwakunye noWanda noMr Vee Sholo owaziwa ngeengoma zemitshato nemigidi, besebenza kunye kule ngoma.

“Igama lengoma lithi Beauty of Love. Ndiza kuninika iinkcukacha ngale ngoma kungekudala,” ubhale watsho uDJ Zeed, ekwabulela nakwiManejala yakhe uAviwe Gqomfa weAvee Connexions.

Uthe abalandeli bakhe mabakrobe kwikhasi lakhe likaFacebook xa befuna ukwazi iinkcukacha ezithe vetshe.

Oko ebhengeze le ngoma, ukususela koogxa bakhe emsebenzini ukuya kubaphulaphuli bafuna ukuzifikisela kulo ndabamlonyeni “wento yakhe” etshisayo.

Abanye abasele bezivele kule nto kaBukiwe baquka uAyabonga Kekana, uBetusile Mcinga, uLuckeez Mfowethu, uMafa Bavuma nabanye abaninzi.

IBeauty of Love kulindeleke ikhutshwe embizeni kungekudala.