Baza kubukela uMqokeleli wasebalini eNgqushwa!

KULE mpelaveki eNgqushwa kuza kube kudlalwa umdlalo obizwa Ghost of Glenmore.

Lo mdlalo, wabhalwa yindumasi kwimidlalo yeqonga uXabiso Zweni .

UZweni, okwangumdlali nomqondisi walo mdlalo, ukunye noAnele Penny okwadlala kwindawo ephambili kuwo.

UPenny, 40, owaziwa ngendima yakhe kaMqokeleli kwibali loMhlobo Wenene elithi Ithini Na Le Nto?, yinzalelwane yelali yaseWoodlands eNgqushwa – nekulapho iGhost of Glenmore iza kube idlalelwa khona.

Encokolela I’solezwe lesiXhosa, uPenny, obengawuvali umlomo ngokuza kwenzeka ngalo Mgqibelo elalini yakhe, uthi ufumene ithuba loyokubonisa ngesakhono sakhe phambi kwabantu bakokwabo.

“Lo mdlalo uziswa eNgqushwa ngenkxaso enikwe abadlali beqonga ngeli xesha linzima lobhubhane oyiCorona ngabakwa-EPACC,” kutsho uPenny.

“Ndibulela kakhulu kwabakwaECPACC ngendima abayidlalayo kuthi badlali beqonga ngeli xesha libi kangaka. Ngoku nditsho ndafumana ithuba lokuba ndiyokubonisa ngesakhono sam phambi kwabantu endizalelwe, ndakhulela phambi kwabo!”

Lo mdlalo udlala ixesha elingangeyure kuphela. Amaxabiso yiR30 kuphela ukungena emnyango.

Ngenxa yemiyalelo nemiqathango yeCorona, uPenny uthi kuza kungena abantu abangamashumi amahlanu kuphela yaye ongenamaski akazokuvunyelwa angene.

” Ngelishwa abangaphantsi kweminyaka eli13 abakwazi ukungena,” kucacisa uPenny.

Lo mdlali weqonga, othande ukuxhaphaka kwilali yakhe ukuze aphuhlise italente yabantwana bendawo yakhe, uthi ukhona omnye umcimbi awuphekayo wabantwana oza kuba kule nyanga izayo obizwa ngoMdlungu Odlekayo.

“Apho ndiphuhlisa khona izakhono zabantwana belali yam kumculo, umxhentso nokulinganisa eqongeni,” kutsho uPenny.

Lithini ke ibali ngesi Siphorho saseGlenmore? Sakuva eWoodlands eNgqushwa kulo Mgqibelo ngentsimbi yesine emva kwemini.