Baza kuncumelana, bawolane, baphuzane ngoSuku lweValentine eMthatha

ABATHANDANAYO baza
kube bejongene emehlweni bencumelene,  bekwaphulaphule
umculo omyoli, bonwabele ukutya okumunc’iintupha kwaneziselo  eMthatha ngoSuku lweValentine.

Kaloku ngolu suku,
iNduna Events  Management kaBetusile
Mcinga, iza kube inetheko lokonwabisa izithandani.

Esi sisizathu
sokungangeni ngamandla epokothweni yakho ukuze wonwabise lowo usondeleyo
entliziyweni yakho.

Eli theko lomhla
weValentine libizwa iNdlwane yoThando (Love Nest).

“Indlwane yothando
kulapho kufuywe khona uthando ukuze luqandusele isipho esihle,” kutsho uMcinga
encokolela I’solezwe lesiXhosa.

UMcinga waziwa
njengemvumi yomculo weGospile ekhuphe amacwecwe yaphumelela neembasa.

“Abantu abaninzi
mhlawumbi baza kuzibuza ukuba ndenza eli theko lweValentine kuba kutheni.

Kuba uthando lona
kuqala luphuma kuThixo. Akukho nto ingalunganga ukubonisa uthando kwaye
sikhulise uthando,” kuncokola uMcinga.

UMcinga, utata
wabantwana abathathu, okwabhiyozela iminyaka elishumi wazimanya ngeqhina
lomtshato kulo nyaka, uthi iLove Nest yenzelwe abo bangamaqabane  kwanabo bathandana beziintsapho okanye
izihlobo, bengavalelwanga ngaphandle abo bangenamaqabane.

Izithethi eziza
kwabelana ngeqonga ngolu suku ziquka uMfundisi uLusindiso Malimba, ongumcebisi
kwimiba yemitshato nokwangumbhali wencwadi ethi 21 Realities About Marriage.

UMcinga uthi
uMalimba uza kube ethetha namaqabane atshatileyo ngemiba aye aqubisane
emtshatweni. Imiba equka iingxwabangxwaba kwabo batshatileyo, oonyana
ababekelwa bucala kwiintsapho abazalwa kuzo basakutshata kwaneengxabano
phakathi koomazala, oomakoti namadodakazi.

Esinye isithethi
nguSicelo Mncube ongumbhali wencwadi ethi I Was Raped And You Were Born.

Ingayintoni imini
yezithandani ngaphandle komculo oncamis’ umxhelo?

UBerita, Andile
Tsako, Randy, DJ Angisto, Chunky Jama, Fezz Jnr noBetusile baza kwabelana
ngeqonga lomculo.

Abefundisi
abakhoyo ngolu suku, ngokutsho kukaMcinga, baza kuthandazela nemitshato.

Isinxibo sosuko
seso simhlophe nabomvu.

Amatikiti
afumaneka eVinnie’ s Steak and Grill eBT Ngebs Mall eMthatha apho eli theko
lwe14 kweyoMdumba liza kube liqhutyelwa khona.

Amatikiti waba
bangenamaqabane axabisa iR300, iVIP yabo yiR600.

Amatikiti wabo
bahamba namaqabane abo axabisa iR500, ze iVIP yabo ibe yiR1000. La matikiti
akhatshwa zizipho, isidlo kwakunye nemifanekiso yamaqabane.

Umcimbi uyaqala
ngentsimbi yesithandathu ngorhatya.