SELE eqalile amalungiselelo eMetro FM Music Awards azakubanjelwa eNkosi Albert Luthuli International Convention Centre (ICC), eThekwini, ngomhla wamashumi amabini anesixhenxe kuFebhuwari, nanjengoko iijaji ezijongene neemvumi ezichongiweyo sele ziqalile ukusebenza.
Ezi mbasa, nezingena kunyaka weshumi elinesihlanu (15) zasekwayo, kuza kuba kokwesine zibanjelwa e-ICC.
I’solezwe lesiXhosa lifumanise ukuba iijaji, nekuquka kuzo abantu
abasebenza ngomculo bahlangene eGoli ixoxa ngabo bazakuthi bafumane iimbasa.
Othethela iSABC, uKaizer Kganyago, uthe bafuna ukuba abo bachongiweyo babhengezwe phambi kokuphela kwale nyanga khon’ ukuze abalandeli babo baqale ukuvota.
“Ndicinga ukuba abo bachongiweyo bazakubhengezwa kwiiveki ezimbini ukusukela ngoku.
“Abantu kufuneka babenexesha elingangenyanga lokuvota,” utsho uKganyago.
Amabhaso alo nyaka azakube ohluke kakhulu nanjengoko abo bazakuphumelela bezakube bengcamla nakwimali ebalelwa kwi-R100 000, nto leyo ithetha ukuba yimbali
Amabhaso alo nyaka azobe ehlukile njengokuba iimvumi ezizophumelela zizoxoxa ngemali engange-R100 000 nekukokokuqala ikhutshwa.
“Kulo nyaka sizakuveza iwonga elitsha lokuqhwabela izandla umculo wase-Afrika, okwadlalwa kwiMetro FM,” utsho umphathi wezikhululo zikanomathotholo zeSABC uLesley Ntloko.
Kunyaka ophelileyo eyona mvumi yathi yaphumelela ezona mbasa ziliqela nguCassper
Nyovest owafumana iimbasa ezintlanu.
Enye into eyagqama nyakenye yayisisiganeko apho uDJ Sbu waphuma izithuba ezama ukuthengisa isiselo sakhe iMo Faya.
iEFF imenywe kwimibhiyozo yeMK Party