Bonwabele ingoma yokuqala kaLikhey

ENEMINYAKA eli-17 kuphela ubudala, kodwa igama likaLikhey Booi sele lisaziwa nangubani ozithandela umculo othambileyo.

Ngomso, uLwesihlanu, uBooi ukhupha ingoma yakhe yokuqala ekudala ilindwe ngabomvu ethi ‘Bambelela’. Kule ngoma uthi ukhuthaza oontanga bakhe ngelithi iphupha liyalindwa.

“Kule ngoma ndikhuthaza abantu ukuba bangatyhafi kwaye bazi ukuba amaxesha anzima ayafika aphinde adlule, ingakumbi ngeli xesha leCovid-19 apho siphulukana nabo sibathandayo, abanye belahlekelwa yimisebenzi, le ngoma ke ngoko ithi “Bambelela”, kutsho uBooi.

Bekuyiminyaka emithathu edlulileyo ngethuba uBooi ene-15 leminyaka ubudala etsala umdla womdlali kamabonakude waseMelika uTaraji P Henson, ngelixa emva elinganisa ingoma kaAmi Faku ethi Ndikhethe Wena kwividiyo eyasasazwa kuInstagram.

Kulapho imvumi yeGqom, uDJ Maphorisa yaba nomdla wokumtyikitya uBooi emva kokubona le vidiyo ixhonywe nguDumza Maswana kuTwitter.

Ngelo xesha le nzalelwane yaKwaZakhele, eGqeberha, yala kwesi sicelo kuba ifuna ukugxila ezifundweni zayo. Noxa kunjalo khange akwazi ukulibaleka ubizo lokucula, ze waqalisa ukusebenza kwingoma yakhe yokuqala encediswa nguDumza Maswana omolulekayo kwikhondo lomculo.

Le ngoma ididiyelwe nguChrister Kobedi okwayiprodyusa yecwecwe likaAmanda Black.

UBooi uthi ukwafuna ukubonisa abo baselula ukuba ubani uyakwazi ukuphila iphupha lakhe eselula.

Nangona emncinane nje, uBooi ukhwele eqongeni neemvumi ezifana noDonald, Samthing Soweto noNtsika.

“Nangona imfundo ibalulekile, umculo yeyona nto endifuna ukuyenza ubomi bam bonke, kwaye ndiyavuya ndinabazali abandixhasayo,” kutsho uBooi.

UMaswana uthi ukusebenza noLikhey kuluchulumanco kuye.

“Unetalente engumangaliso kwaye uyalazi ilizwi lakhe. Ngumntwana oqeqeshekileyo nohloniphayo. Njengomoluleki wakhe kufuneka ndimbonise ukuba alisebenzise njani ilizwi lakhe, asebenzise italente anayo ngokuzithemba, uza kothusa abantu abaninzi uLikhey,” kutsho uMaswana.

UBooi uthe kuyintsikelelo ukusebenza noMaswana nanjengoko emazise kwiimvumi ezaziwayo.

“Undise kumaqonga amaninzi, sele ndimthatha njengobhuti wam omkhulu, ngamanye amaxesha abe ngutata kum, uhlala ekhupha iimfundiso zobomi. Ndimthanda ngokuqinisa isandla xa kuthethwa ngesikolo, akafuni ndiyokucula xa ndibhala iimviwo, yeyona nto ethandwa ngabazali bam ngaye,” kutsho uBooi.

Ingoma sele ifumaneka kwiivenkile zomculo kwi-intanethi.