Dibana nosapho olutsha lwe-7de Laan

EMVA kokushiya kweqela labadlali abaphambili kumdlalo i-7de Laan, lo mdlalo we-Afrikaans uneendaba ezimnandi kubalandeli bawo.

Ukususela ngenyanga yeSilimela, * -7de Laan uzakube evulela usapho olutsha kraca iingcango.

Ngoobani aba? Dibana nabakwaWelmans, usapho olunembali emnyama kwakunye nemali eninzi. UDavis Rees-owaziwa ngelika Niek Naude’ kwi-Egoli.

URees udlala indawo kaChris, 55, ongusomashishini ophum’izandla, noyifumanayo into ayifunayo. Uphila impilo ephezulu kwaye ulindele okungcono kusapho lwakhe, kodwa akaqalisi ukuthabatha uxanduva ngezenzo zakhe.

UDeidre Wolhuster, owaziwa ngelikaFranci Roos kwiFluiters, uzakudlala uMariaan, 52, nobonakala ezithembile, kwaye enempakamo ngamanye amaxesha. Uhlala ekhangele indlela usapho lwakhe olujongwa ngayo luluntu, kwaye uyakugxeka xa efuna. Ukwalukhusela ngamandla usapho lwakhe. UCarina Nel, owaziwa ngendima yakhe ka-Isabel kwiGenerations. Yena unguAlexa, 25, uzakudlala njengogqirha othande ukuzithoba kunodade wabo omncinane.

Ukrelekrele, linenekazi, unobunono nenkathalo, kwaye uqatshelwa ngamadoda amaninzi aseHillside. Kodwa noxa kunjalo, uhambela qelele kubudlelwane obunobuzaza.

UAndre’ Lotter, nowaziwa ngcono njengoLiam kwiVilla Rosa. Udlala indawo kaRikus, 27, nonesidanga kwizifundo ze-Accounting kodwa ezithandela umdlalo wentenetya. Ufuna ukuba ngumdlali wentenetya, kodwa utata wakhe akahambisani nalo mbono.

UKristen Raath, ungu-Amorey, 22, yintwazana encinane katata, kwaye umnika lonke uthando, kodwa noxa kunjalo unecala elinoburhalarhume, kunjalo nje ubuza yonke into.