Ebudaleni uJanet Jackson, 50, uzakuba ngumama okokuqala

NGUBANI obethe awusoze ubizwe njengomama okanye utata kwiminyaka yobudala?

Isipho sifika kanye kwixesha osele usincame ngalo. Kubenjalo nakwimvumikazi eyaziwayo kwihlabathi jikelele, kanye phambi kosuku loomama (Mother’s Day), kuvakale ukuba uJanet Jackson ukhulelwe umntwana wakhe wokuqala.

UJackson, noneminyaka engama-49 ubudala, nosele ezakuba neminyaka engama-50 ngomhla we-16 kuCanzibe/Meyi, ulindele umntwana wakhe wokuqala nomyeni wakhe uWissam Al Mana, oku kudizwe yi-Entertainment Tonight.

Ezi ngxelo zokukhulelwa kukaJanet, ziza kanye emva kokuba enqumamise ukhenketho lwakhe lwehlabathi ngenxa yokuba ‘’ecwangcisa usapho’’.

Kumyalezo wevidiyo awukhuphele abalandeli bakhe uthe: “Mholweni nonke, ngomhla we-31 kuAgasti ndisungule i-Unbreakable World Tour. ‘’Kuqala ndingathanda ukubulela bonke abalandeli bam ngokuza bazokubona le khonsathi, nini eniyenze yonwabeleka. ‘’Sikumlenze wesibini wokhenketho, kwaye lukhona utshintsho, kwaye ndicinga ukuba kubalulekile nibe ngabokuqala ukwazi.

‘’Mna nomyeni wam sicwangcisa usapho, ngoko ke ndizakulihlehlisa ukhenketho. ‘’Ndiyacela nikuqonde okokuba kubalulekile ukuba ndikwenze oku kwangoku, kufanele ndiphumle, yimiyalelo kagqirha, kodwa andilibelanga ngani, ndizakuqhubekeka nokhenketho kungekudala nje,” utshilo kule vidiyo.

UJackson wazimanya noAl Mana, 41, ngo2012 kumsitho wabucala, kodwa akazithi pa-ha ezi ndaba de yaba kusekutsheni kuka2013. Lo ngumtshato wesithathu wale mvumikazi.

Ngonyaka ka2008, i-Entertainment Tonight (ET) yadlana iindlebe noJackson, ibuza ukuba yena nalowo wayefudula ethandana naye uJermaine Dupri, bangathanda ukuba nabantwana kusinina.

Le mvumikazi yaphendula ngelithi, “Singathanda ukuba nabantwana bethu begazi, kodwa singathanda nokukhulisa abangabanye,” watsho.

“Ngoko, sakubona. Iyakwenzeka ngenye imini.”