#FathersDay: Ukubaluleka kothando lukatata emntwaneni

ESAKHULA, uBheki Radebe wayehlala ezibuza ukuba inokuba kunjani ukubanotata? Kwaye inokuba kunjani ukuchitha iFather’s Day notata wakho?

Oku wayezibuza xa ebona ootata kwakunye noonyana babo behamba kunye kudederhu lweevenkile, bebonakala bonwabile, benobudlelwane obuluqilima.

Uthi oku kwamenza naye alangazelele ukubangutata ngenye imini.

URadebe, 36, ekunye nabantakwabo, babekhuliswa ngumama wabo owayengasebenzi kwiilali zaseXobho kwaZulu-Natal, ngelixa utata wabo wayehlala engekho ekhaya ixesha elininzi eziphilela ubomi bakhe edolophini, ekwasebenza apho. Utata wabo wasweleka ngo1995 ebashiya besebancinane.

Esi sisizathu esamenza abawele ukubangutata naye ngenye imini ukuze ave imfudumalo yobudlelwane bukatata nonyana.

NgeCawa umhla we19 kweyeSilimela yiFather’s Day, usuku lokubhiyozela indima edlalwa ngootata ebomini.

Noxa kunjalo, olu suku luza neenyembezi kwabanye nanjengoko bengenabo ootata kuba abasekho emhlabeni okanye bengekho ebomini babantwana babo.

Yena uRadebe olu suku luyamncumisa kuba uye afumane amazwi athi “Happy Father’s Day Tata” kunyana wakhe.

Nangona nje unyana wakhe engekalwazi olu suku luthetha ntoni, kodwa kuyise la mazwi avakala kamnandi.

Lo ngunyaka wesine uRadebe engutata kuOluthando Bayanda – enikwa uthando ngunyana wakhe kwaye naye ekwanikeza ngoloo thando lukatata kuye.

“Ukubangutata yimvakalelo endingakwazi kuyichaza ngamagama kuba yimvakalelo emnandi!” kutsho uRadebe osebenzela I’solezwe lesiXhosa njengomfoti.

Ukhumbula mhla wayesiva okokuqala ukuba uza kubangutata.

“Yaba luvuyo emva kokwazi ukuba umama wakhe ukhulelwe, zange ndikwazi ukuzibamba, ndaya kuxelela abantakwethu ukuba ndiza kubangutata,” uyabalisa.

Uthi nangosuku lokuzalwa konyana wakhe wayengakwazi kulinda kuluchulumanco.

“Ukumbona kwam okokuqala evule amehlo, wayebonakala ngathi unento ayicingayo. Ndamphakamisa, ndamfunqula, ndingakholelwa ukuba ndingutata,” kutsho uRadebe ezele luncumo.

URadebe uthi nabahlobo bakhe ababe sele bengootata babenobudlewane obuhle nabantwana babo, wafunga wathi naye uya kumthanda owakhe umntwana.

Uthi nangona ehlala kude ngokomsebenzi, kodwa ithuba nethuba alifumanayo ulichitha nonyana wakhe, emhlamba, emtyisa kwaye edlala naye kususela eselusana.

Uthi uthando lukanyana wakhe ulibona xa elinganisa yonke into ayenzayo.

“Okuthetha ukuba andinaze ndenze nto igwenxa phambi kwakhe kuba ndingumzekelo kuye,” ubuya atsho.

URadebe ucebise ootata ngelithi uthando sisipho esoneleyo emntwaneni kunezinto ezithengwayo, kuba abantwana abalulibali uthando lomzali.