#FathersDay: UMafa ubalisa ngotata wakhe

UMafa Bavuma notata wakhe

Akukho lula ukukhangela isipho onokusipha umntu, kuye kube nzima kakhulu xa kuthethwa ngesipho esifanele utata. Wena uza kumpha ntoni utata wakho kule Fathers Day?

Yena umsasazi weBEE kuMhlobo Wenene FM, uMafa Bavuma, uqhayisele I’solezwe ukuba baza kumpha isipho seekawusi ezisithileyo, igawuni neziliphasi utata wabo.

UTat’ uBavuma ufince iminyaka engama91 ngomhla we10 kule nyanga.

Wathabatha umhlalaphantsi ngonyaka ka1991, kodwa de kube ngoku uyavuka asebenze egadini yakhe, ahoye kwanemfuyo yakhe.

UMafa ucinga ukuba oku kuko okugcina le nkonde yaseMaTshaweni isempilweni.

“Kuthiwa wakhe watshaya, kodwa ndikhule mna engatshayi, ndingathi wayeka kuselithuba lingekamonakalisi. Utywala uthi wayebusela eseyinkwenkwe.Ndingathi ukuziyeka ngethuba ezi zinto kwamnceda kakhulu.

” Utata wayevuka ngo4 ekuseni rhoqo aye ezinkomeni, abuye angene egadini, agawule iinkuni. Xa simnqanda, athi eyona nto inokumbulala, yile yokungenzi nto. Nangoku usaphuma izithuba, akafuni kuyeka tu! Ndiyacinga yenye yezinto ezimgcina esempilweni, ” kubalisa uMafa.

UMafa, 39, ligqibelo kokwabo, uthi oku kumenze wafumana impatho enikwa igqibelo.

Ukuthobeka, ukuthanda abantu, ukunyaniseka – zezinye zezinto uMafa athi uzifundiswe ngutata wakhe.

” Utata into ahlala esixelela yona nabantakwethu noodadethu kukuba masithandane, sixabisane, sixhasane maxesha onke.”

UMafa, naye okwangutata kubantwana ababini, uBuhle noCulo, uthi okonwabisa utata wakhe kukungqongwa ngabantwana bakhe.

“Ukusoloko esibona yeyona nto imphilisayo. Usoloko esinqwanqwada ukuba singanqabi ekhaya. Akasafuni nto zitheni ngoku, zizimuncumuncu neziqhamo izinto achitha ngazo ixesha. Unala tranka yakhe yegrangqa afuna ukusoloko ukuyibona igcwele, nangona engayisebenzisi, kuye liyeza, xa ecinge ukuya exhantini naxa sinemicimbi, ” uMafa ubalisa ngoTat’ uBavuma.

Utata kaMafa ayingotata nje ekhayeni, kodwa ungutata naseluntwini lokuhlala eAlicedale.

” Ungumntu othanda ukuncokola, uyakubalisela amabali akhe okukhula, izinto ezimehleleyo ebomini ngoku engakwazi. Uyakubuza imvelaphi sele ekulophezele yonke into,” kutsho uMafa ehleka.

Kuye kwanyanzeleka ukuba uTat’ uBavuma ahlale ekhaya , azincame iindibano zoluntu ngelizisindisa kwiCovid-19.

“Susela kwaqala iCovid, wasimamela ukubeni ayeke imingcwabo nezinye iintlobo zeendibano. Naye ungumntu osokolo emamele iindaba, uyilandela kakhulu imiqathango ngezinto aziva kunomathotholo nakumabonakude,” kubalisa uMafa.

Ebalisa ngendlela akonwabela ngayo ukuhlala phantsi aphulaphule iincoko zikatata wakhe.

” Uye ancokole ngemfuyo, igadi neentlungu azivayo. Neminqweno yakhe ngekhaya lethu naxa sele ebhubhile yena.”

Uthi isipho awakhe wasithengela utata wakhe yisuti nezihlangu.

“Kule Fathers Day siza kumthengela iikawusi ezishushu, ebekhe wanxiba iikawusi ezipinki kutsha nje. Simthengele negawuni neziliphasi afudumale kobu busika,” kutsho uMafa efile yintsini.