Ganga nyoko, inzima nyoko!

UMSITHO wokuwonga abadlali beqonga iFleur du Cap Theatre Awards uphinde wabuya.

Owalo nyaka iza kuba ngowama57 kwaye abaququzeleli bavuyiswa kukubuyela esidlangalaleni emva kokuqhuba imisitho emibini besebenzisa unxibelelwano lwala maxesha ngenxa yeCovid-19.

Abaququzeleli bathi bakhethe ukuwonga la mayolisa eqonga ngomhla obekelwe ukubhiyozela umsebenzi wawo iWorld Theatre Day engomhla wama27 kweyoKwindla.

USibuyiselo “Sbuja” Dywili waseKraaifontein ngomnye wabadlali beqonga abachongelwe ukuwongwa ngembasa ngolu suku.

UDywili, ongumbhali, umlungiseleli nomdlali weqonga, uchongwe izihlandlo eziliqela kwezi mbasa ngomdlalo wakhe awubhalileyo othi Ganga Nyoko! Inzima Nyoko!

Uchongelwe kwiBest New South African Script, Best New Director neBest Perfomance by an Ensemble.

Lo mdlalo uqale ukuboniswa kwiqonga laseKraaifontein elibizwa ngokuba yiKraai4Theatre ngo2020.

Kunyaka ophelileyo, lo mdlalo weqonga uye wachongwa kumabakala amane kwiimbasa zoMnyhadala weZabalaza eBaxter Theatre Centre eKapa.

UDywili uthi apho babuya neembasa ezimbini, eyoMdlali oBalaseleyo (Best Actor) neyoMdlalo weQonga oPhambili (Best Production) ngalo mdlalo wakhe othi Ganga Nyoko! Inzima Nyoko!.

“Kuluvuyo ukuphinda sibone sichongiwe kwakhona phantse kumabakala afanayo nawaseBaxter, kodwa sibe sichongelwa iimbasa ezinkulu kangaka. Ndiziva ndichulumancile, ndinombulelo ongazenzisiyo,” kuphawula uDywili ngethuba encokolela I’solezwe lesiXhosa.

Lo mdlalo udlalwa nguSiyamthanda Bangani ekunye noSbuja Dywili eqongeni, elungiselelwe iqonga nguSiphenathi Siqwayi kunye noUyanda Kiva.

“Lo mdlalo udlalwa ngabantu ababini eqongeni bebalisa amagingxingxi ngobuhlobo babo, phofu besandula ukuphinda badibane emveni kokuba bagqibelana kwiminyaka esixhenxe eyadlulayo. Bazikhumbuza ke ngezakudala, ngaxeshanye bekwancokola ngeenkxwaleko zanamhlanje,” uDywili usikrobisa kulo mdlalo.

UGanga Nyoko ngumdlalo wesiXhosa, obhalwe ngesiXhosa kodwa ekwanazo iindawana eziguqulelwe esiNgesini.

Nangona uDywili esithi unemidlalo emininzi ayibhalileyo, kodwa lo ngowokuqala ukuwukhupha.

“Yonke eminye endiyibhalileyo andikayishicileli ukuze iye eluntwini.”

UDywili ukhe wadlala kumdlalo weqonga owawuboniswa eArts Cape obizwa Comfort.

Lo yayingumdlalo weOpera owawulungiselelwe iqonga nguRobert Lehmeir, uCatherine Milikken, Shirley Apthorp baseGermany bekunye noFatima Dike.

“Lona elo bali labhalwa ngokuthi lithathwe kumabali aselokishini awayebaliswa ngabafundi baseBloekombos High School ababe kwikwayara yakweso sikolo, neyayikhokhelwa nguMnu. Siyabulela Sulelo ngaloo nyaka.

UDywili ukhe wachongwa ukuba adlale indawo katsotsi kwibali likaAthol Fugard elithi Tsotsi, bali elo laguqulelwa kumdlalo weqonga othi Tsotsi: The Musical nguMkhululi Mabijana, Neil Coppen, Dom Gumede kunye noZwai Bala.

Kwakhona, uDywili ukhe wadlala kwibali likaThoko Ntshinga elithi Buzani KuBawo.

Abanye abachongiweyo kwezi mbasa baquka uBuhle Qinga, Qondiswa James, Mava Silumko, Siphenathi Siqwayi, Wendy Mbali, Lukhanyo Moyakhe, Siphokazi Molteno, Siya Mayola, uNana Bulabula nabanye abaninzi.