Generations: Sityhila ubuso bentombi kaJack!

USiphesihle Cele, ngumntana oyintombi kaJack kwiGenerations. UPearl Monama, nobubuso obuphum’ ekhasini, uyagaleleka kwiGenerations ngomhla we-16 kweyeSilimela 2016.

UPearl uzakube engena okokuqala kumabonakude, kulandela iminyaka emibini yokusebenza kwiqonga lemiboniso neefilimu.

Ubambe isidanga seHonours awasenza kwiYunivesithi yasePitoli kwiminyaka emibini edlulileyo, waze nje emva kokuba efumene esi sidanga, wadlala indima ephambili kumboniso bhanya-bhanya obizwa Suurlemoen. Lo mboniso ungeqela labo basafikisayo abaziqalela iqela lomculo elibizwa ‘Suurlemoen’. USiphesihle ungugqirha kwiGenerations, kwaye unombulelo ngakuJack.

Kaloku uJack, wathabathela emagxeni wakhe le ntwazana nomntakwayo ngethuba bebhujelwa nguyise. Ngoko ke ufuna ukumbulela ngendima ayidlalileyo njengotata wabo. Ingaba uSiphesihle uzakumenzela ntoni uJack?