I-SABC 3 ikhangela abasasazi ababini !

INKAMPANI evelisa imisebenzi yobugcisa ezinze eKapa i-Insync Productions, ikhangela abasasazi ababini abazakwenza inkqubo entsha yezobuchwepheshe.

Aba basasazi bakhangelwayo, kufuneka babephakathi kwe-19 nama-25 yeminyaka ubudala. Le nkqubo izakusasazelwa abo basafikisayo kwiSABC3. OKUKHANGELWAYO: Kufuneka ube nolwazi olungqamene nezobuchwepheshe, kwaye azi ngokudingwa ngabo baselula kwezobuchwepheshe nalapho banokufumana khona ezo zinto bazidingayo.

Ukuba uyakwazi ukukhuthaza, utsale umdla, ucele umngeni kwaye unxulumane nabo, lo msebenzi ngowakho. Kufuneka ubenolwazi ngezobuchwepheshe. Le nkqubo ikhangela amagatyana ngokunjalo namagqiyazana aseKapa.

Ukuba ungathanda ukufaka isicelo – ungathumela iinkcukacha ezi fana nezi: -iCV ekhatshwa yimigcana yenkuthazo (motivation), -Ivideo clip engekho ngaphezulu kwemizuzwana engama-90 (90 seconds), echazayo ukuba kutheni kufuneka kukhethwe wena.

Konke oko ungakuthumela kule dilesi yemeyile: info@insyncproductions.co.za: