I-Skeem Saam sizilele usana lukaNompumelelo

EMVA kokubhubha ngesiquphe kukaJama kulo mdlalo, ngoku iSkeem Saam sishiyeke sithiwe wambu lilifu elimnyama.

Ngoku akubulewanga mlinganiswa, kodwa ngoku kutshabe umntu wokwenene. ULelo uye wafumana umntwana ngexa esekuvalelo lasentolongweni kwiveki ephelileyo.

Oku kubenzinyana kwigqiza leSkeem Saam nanjengoko kunyanzeleke ukuba bajamelane nesithwakumbe esingqonge lo mntwana.

UBaby Linda Shabalala, nobedlala le ndawana uye wagula waze wasweleka. Oku kuthetha ukuba lo mdlalo kuye kwanyanzeleka ukuba ukhangele olunye usana oluzakudlala le ndima. ULinda uye wenza indima enye kuphela, indima yokuqala ngqa esiyibonileyo yosana lukaLelo.

Kubonakala ngathi ibisisiphelo sakhe eso. Kuthe kusakuvakala esi sehlo sokusweleka kukaBaby Linda, iSkeem Saam sathabatha uMbalenhle Tabu. Kodwa kukwavakala ukuba sizakuqhubeka simbone uLinda nanjengoko lowo ingumnqweno wabazali bakhe.

Sithi akuhlanga lungehliyo kusapho lukaBaby Linda!