I-TruFM iyabulela ngoFezz kumasipala waseMnquma!

Abaququzeleli bokhuphiswano lwetalente yeTruFM (iTru Talent Search), bagqithise uphawo lombulelo kwiinkokheli zoMasipala waseMnquma, ngendima ebalulekileyo edlalwe ngulo masipala ngokuncedisa ekubhaqweni kwetalente kaFezile ”Fezz Jnr” Makhohliso wala mmandla. UFezz Jnr, yaba nguye ophumelele ibhaso eliphezulu kwiTru Talent Search yonyaka ophelileyo. UFezz Jnr, wazalwa waze wakhulela kwilokishi yaseMsobomvu eGcuwa, kwaye ngenxa yolu khuphiswano lwesi sikhululo noMasipala waseMnquma, sele ekhuphe ingoma yakhe ye-Afro-Soul. Le ngoma ethi “Imizamo”, sele idlalwa koonomathotholo abaphezulu kuzwelonke, kwaye uFezz Jnr bekhe wavela nakwinkqubo ye-SABC 1 -iLive kwinyanga ephelileyo. Kule ngoma, eli gatyana licula nemvumi eyaziwayo neyinzalelwane yaseNgqushwa, uDumza Maswana. Ngenxa yenkxaso-mali kwizinto ezifana nothutho, uqeqesho kunye nendawo yokuhlala ayifumene eMnquma, uFezz wakwazi ukuzilolonga, de wabhengezwa njengophumelele ukhuphiswano lonyaka ophelileyo emva kokuncumisa iijaji ngelizwi lakhe elimnandi. Kungoku nje, uFezz uhlala eRhawutini ukuze azenzele igama emculweni njengeemvumi ezifana noNathi Mankayi. UMasipala waseMnquma waxhasa le mvumi incinane ngokuhambelana nephulo lakhe lophuhliso kubahlali bala masipala ngokwezentlalo, ezoqoqosho njalo njalo. Fezz Jnr uculele looholo ibizaliswe ngabebezimase intlanganiso yebhunga, nebikwaqaphela ukuphela kwexesha looceba bala masipala. Lo mhlangano ububanjelwe eMsobomvu Community Hall eGcuwa kule veki.