Ibali letyendyana laseNgqamakhwe kwiSkeem Saam

UBOMI bomqhubi
wenqwelomoya oselula waseMpuma Koloni bubaliselwa izigidigidi zababukeli
bomdlalo weSABC 1.

Ibali likaSipho
Mangesi,  , lilo kanye elibaliswa
ngumlinganiswa onguLeshole  kumdlalo
oqhutywayo iSkeem Saam.

ULeshole Mabitsela
( odlalwa nguThabo Mkhabela ) yinkwenkwana esandul’ ukuphumelela ibanga
leMatriki. Ikhaya aphuma kulo uLeshole likhaya lentsokolo, yena noyise
omkhulisayo uBigboy balungisa iimoto ukuze bagxothe ikati eziko.

Uthe akuphumelela
ibanga likaGrade 12 uLeshole, kunzima kunjalo, wazixelela ukuba inye into eyakukhupha
ikhaya lakhe ebunzimeni, kukulandela iphupha lakhe lokuba ngumqhubi
weenqwelomoya.

KwiSkeem Saam,
esidlala rhoqo phakathi koMvulo ukuya kuLwesihlanu, kuzotywa ibali lokwenene
likaMangesi, owathubeleza phakathi kweenzima ukuze afezekise elo phupha lokuqhuba
iinqwelontaka.

UMangesi ubalisele
I’solezwe lesiXhosa kudliwanondlebe ukuba, nangona nje ibali lakhe xa
kunamhlanje likhuthaza uluntu, ingakumbi oontanga bakhe abasafuna ukufana naye,
kodwa zibe ngaphaya iinzima neentlupheko athubeleze phantsi kwazo

“Ndihlupheke
kakhulu apha ebomini! Zininzi izinto endigqithe kuzo,” kutsho uMangesi.

 Lo mqhubi
wenqwelomoya uthi nangona ekhulele ezilalini zaseNgqamakhwe, efunda kwizikolo
ezingenazixhobo kodwa iphupha lakhe lokuba ngumqhubi wenqwelomoya zange
litshabalale.

 “Ndandiye ndithi
xa igqitha (inqwelomoya) sidlala, ndibe nomdla kakhulu. Ndandiye ndizibuze
ukuba iqhutywa njani, ingaba inazo iimpondo zokuqhuba njengemoto, okanye xa
ijika yenza njani,” kubalisa uMangesi.

 

Eli tyendyana
lithi lazithembisa ukuba ngenye imini lakuze lisebenze kwiinqwelomoya.

Uthi wayengazi
ukuba njani, kodwa wayezixelele ukuba oku kuza kwenzeka.

 

Eli phupha lakhe
laye lamhlala de wagqiba ibanga likaGrade 12 eJohn Bisseker High eMont ze emva
koko waya kufundela iinqwelomoya eBorder Aviation Air
School
.

 

UMangesi uthi
kuthetha kukhulu kuye ibali lakhe latsala umdla kubavelisi beSkeem Saam.

 

“Yimvakalelo
endingakwazi nokuyichaza xa ndibukele iSkeem Saam kwiSABC1 ndisazi ukuba
babalisa ngam, inkwenkwana encinane yasezilalini.

 

“Kwezinye iziqendu
uLeshole bekhe wanengxaki nesiqu sakhe esikhulu, nengxaki yokubhabha. Ezo
yayizingxaki endandijamelene nazo, kodwa mna ndandinengxaki nokuncipha kakhulu
ngomzimba kwaye ndandifuna ukongeza ubunzima emzimbeni wam ukuze ndikwazi
ukukhawulelana neemfuno ezazifunwa ngumsebenzi wam.

 

“Kumnandi ukuba
yinxalenye yendima kaLeshole,” kutsho uMangesi.

 

UMangesi ukhuthaza
 abantwana abaselula ezikolweni, bambi abavise
ubuncwane bokuhamba ngenqwelomoya.

 

simphiwe.freddie@inl.co.za