IBhisho ifudukela eGqeberha!

ISAKHIWO seminyaka seSABC esise-Independence Boulevard eBhisho, kulindeleke sikhale ibhungane ekukekeleni kwale nyanga.

Ngomhla wokuqala kweyeThupha/August 2021, abasebenzi besikhululo seSABC iTruFM, baza kube sele besasazela kwizakhiwo zeli qumrhu eziseConyngham Street, eParsons Hill eGqeberha – apho kusasazela khona Umhlobo Wenene FM.

Ukuvalwa kwesi sakhiwo esiyimbali yezosasazo eBhisho, lilinge leSABC lokonga iimali kulo Msasazeli woLuntu, ngokutsho kweNgqonyela kwiMicimbi yeQumrhu neeNtengiso eSABC uGugu Ntuli, ngethuba ephendula I’solezwe.

UNtuli uthi nanjengoko abaphulaphuli sele besiva ukuba ezinye iinkqubo zeTruFM sele ziphuma kumagumbi osasazo aseGqeberha, kodwa inkqubo yokuthutha kulindeleke iqukunjelwe ekupheleni kweyeKhala.

“SiyiSABC siyakungqina ukuba ezinye zeenkqubo ze-trufm sele ziqalile ukusasazela eGqeberha. Olu fuduko yinxalenye yephulo lokonga kweli qumrhu njengesinye seSicwangciso soTshintsho ukukhusela imisebenzi. Le nkqubo kulindeleke igqitywe ngomhla wokuqala kuAgasti 2021,” kutsho uNtuli.

Isakhiwo saseBhisho ibe likhaya kwabaninzi abe beqeqeshelwa ukusasaza kunomathotholo. Esi sakhiwo sasikade siyiRadio Ciskei okanye iCKI FM.

Baninzi abasasazi abaqale iphupha labo losasazo eBhisho. Phakathi kwabo singabalula uAmaza Ntshanga, uPastor Nozewu, uSizwe ‘Slyso’ Saliso, uMafa Bavuma noMluleki Ntsabo – ukubalula kwabambalwa.

“Kufanele siqaphele ukuba oku kuza kuba nefuthe elihle kwi-trufm nanjengeqhinga leSABC lokukhulisa esi sikhululo, kutsho uNtuli.

Wongeze ngelithi iSABC iya kubuya ixele ekuhambeni kwexesha ukuba iza kuthatha sigqibo sithini ngesakhiwo saseBhisho.