Icwecwe likaCosa lokuhlangula abaxhwalekileyo

UTHE akubona ukuba ukuphathwa gadalala kwamanina kuvamile, wakhupha icwecwe elithi ‘Ndehlile Ndizonihlangula’ ukuze agqithise umyalezo ocacileyo oqhutywa lilizwi leNkosi.

Icwecwe leGospile likaLubabalo Cosa elineengoma ezilishumi, liphehlelelwe ngokusesikweni kumsitho obubanjelwe edolophini yaseNgqushwa ebutsheni bale nyanga.

Iingoma ezenza ubani omameleyo aziphindaphinde xa ezidlala, ziquka ethi NguYesu Onamandla, UnguMadida, Noziyolo, Endlini kaYehova nezinye.

UCosa, 32, yinzalelwane yelali yaseWesley eNgqushwa.

Eqala nje ukucula ngo2012, waseka iqela lomculo elibizwa Annointed Gospel Group nalapho wayekwakhokela kweli qela.

“Sakhupha icwecwe elalibizwa Lord is the Creator elalineengoma ezilishumi,” kutsho uCosa encokolela I’solezwe lesiXhosa.

UCosa uye wakhetha ukuzimela geqe njengemvumi yegospile ngo2015. Ukususela ngoko sele ekhwele eqongeni neemvumi ezaziwayo kwigospile eziquka uPhumla Mfene, uKhanyisa Sabuka noLuleka Mhlanga.

“Kulapho ndiye ndashicilela khona elam icwecwe phantsi kweprodyusa eyaziwayo uSiyabonga Hlekani eQonce,” kubalisa le mvumi.

Uthi igama lecwecwe lakhe elithi Ndehlile Ndizonihlangula ulicaphule kwiNcwadi eNgcwele (Eksodus 3:7).

“Yingoma endiyenze ngo2019 ngethuba bekuxhaphake iziganeko zempathombi ngakoomama nodade bethu,” kutsho uCosa.

Eli cwecwe sele lifumaneka kuyo yonke imingxili ethengisa umculo kwi-intanethi.