Icwecwe likaLuntu lineempendulo zobomi

ABO bamaziyo bamazi ngokuthanda ukucula nokuya ecaweni, kodwa ngoku ubhalisa igama lakhe njengenye yeemvumi ezaziwayo eMzantsi Afrika.

Kwiveki ephelileyo, uLuntu Tshefuta ukhuphe icwecwe legospile elithi Undenzela Okuhle.

Echubela I’solezwe lesiXhosa, uTshefuta uthi ayikho enye into ayenze kakhulu ebomini bakhe njengokucula kwaye engenela amakhuphiswano omculo.

Eli cwecwe likaTshefuta liqulethe iingoma ezilishumi elinanye ezifana nethi Ngenyimini, Busa, Ungenzela Okuhle noThixo ulilanga lethu.

“Kudala ndicula ubomi bam bonke. Andikhumbuli namnye unyaka ekukhuleni kwam ndingaculi. Esikolweni bendileqa amakhuphiswano omculo unyaka nonyaka, ndicula ecaweni, ndikhokela engomeni kwaye ndihlabelela nakumaqela asekuhlaleni egospile,” kutsho uTshefuta.

Uthi emsebenzini xa kukho iziganeko ezifuna kuculwe uyaziwa nguye oba phambili.

Eli licwecwe lokuqala ngqa lale nzalelwane yakwaSisilana eHewu.

“Eli licwecwe lam lokuqala. Ingcamango yokulishicilela yandifikela ngo2019 ngethuba ikwayala yam iTACC iphumelela kukhuphiswano lukazwelonke, saze saqala ukulishicilela ngeyeNkanga 2020,” kutsho uTshefuta.

UTshefuta uthi ukugqitywa kweli cwecwe kuthathe ithutyana ngenxa yokubhubha komnye wabo besebenzisana nabo.

“NeCovid-19 idlale indima yayo. Kuye kwanyanzela sithobele imigqaliselo ebekiweyo.”

UTshefuta ukwancedise iUniting Reformed Church yaseDimbaza kwicwecwe layo.

Icwecwe lakhe lixutywe kamnandi ngamaculo ecawa, aweekwayala, adumileyo njalo njalo.

UTshefuta kweli cwecwe usebenze nongasekhoyo uMayibongwe Nongqunga weDolce Sounds noNathi Ngcobo. Ukwasebenze neemvumi ezinjengoQhawekazi Gonya, Mandiwakhe Kubheka noMathuli Mthembu.

“Umntu omamele eli cwecwe uza siqonda isizathu sokubakho kwakhe emhlabeni. Uza kufumana izandi ezimnandi zeengoma eziculwa ecaweni kwaye afumane ukonwaba nakweyiphi imeko ahlangabezana nayo, nokuba wonwabile, unxunguphele okanye udandathekile. Eli cwecwe likunika ithemba elithi nakweyiphina imeko ubani azifumana ekuyo, uThixo uyimpendulo,” kutsho uTshefuta.

UTshefuta uthi unamaphupha amakhulu ngeli cwecwe.

“Kukuba wonke umntu alimamele ukuze afumane iimpendulo azifunayo ebomini bakhe,” utshilo.

Okwangoku icwecwe lisafumaneka kuTshefuta, kodwa esithi liza kuba kumaqonga athengisa umculo kungekudala.