Ifikelela esiphelweni imidlalo emibini ephambili kuMzansi Magic

UDeli Malinga odlala indawo kaMamzobe ku-Umkhokha: The Curse. Umfanekiso: X.

Imidlalo emibini ephambili ethandwa kakhulu kuMzansi Magic, Umkhokha: The Curse, kunye neMy Brother’s Keeper ifikelela esiphelweni kwiinyanga zokuqala kunyaka ozayo, u2025.

Oku kulandela emva kokuba umdlalo kamabonakude iGqeberha: The Empire, kunye neChampions zachazwa njengezifikelela esiphelweni nazo xa kuqala unyaka ozayo.

Ingxelo ekhutshwe nguMzansi Magic ithi, esi siqalo sitsha siza kuvulela amathuba abalivisi abatsha, iinkampani ezintsha, kunye nabadlali abatsha.

UMlawuli wezitishi zaseKhaya kuM-Net, uShirley Adonisi, uyincomile yomibini le midlalo ngothotho lwayo lweziqendu kuquka negalelo layo elikhethekileyo ekubaliseni amabali aseMzantsi.

“Umkhokha: The Curse neMy Brother’s Keeper bayiqaqambise ngokwenene italente emangalisayo esinayo eMzantsi,” utshilo uAdonisi.

“Ukusuka kwiingqondo ezikrelekrele zababhali bethu kunye nabavelisi, ukuya kubadlali bethu, le miboniso iye yazisa amabali ethu ebomini ngendlela ehambelana nzulu nababukeli. Sinombulelo ongazenzisiyo kwiRhythm World Productions kunye nabadlali abagqwesileyo, kwanabasebenzi abajike le miboniso yaba yinto esele iyiyo.”

Umkhokha: The Curse, waqala uneziqendu ezilishumi elinesithathu, ze watsala umdla wababukeli ngokukhawuleza, nto leyo yabanga uguqulwe ubeyi-telenovela epheleleyo. Lo mboniso, owaziwa ngokuba namabali achukumisayo, ubuxabiseke kakhulu kubabukeli, wada wakhupha icwecwe legospile elithi, Wonk’ AmaJudiya, nelineengoma ezinkenteza ngokunzulu kwimixholo yawo.

ULindani Nkosi odlala indawo kaMshengu kunye noSdumo Mtshali onguDonga kuMy Brother’s Keeper. Umfanekiso: Uthunyelwe

Ukanti kwelinye icala, iMy Brother’s Keeper, iye yachwayitisa abalandeli balo mdlalo ngabadlali abadumileyo nabanamandla, ukusuka kuMshengu (uLindani Nkosi) ukuya kutsho kwizinto ezihlekisayo zoobhuti uDonga (Sdumo Mtshali) kunye noNqubeko (Wiseman Mncube). Singalibali ke noomakoti, uFakazile (Zola Nombona), uNdumiso (Nkanyiso Mchunu) noNomsa (Vuyiseka Cawe) abazise udlamko nesakhono sabo kulo mxube.

“Sinombulelo ongazenzisiyo kubabukeli bethu abathembekileyo kwaye sifuna ukubaqinisekisa ukuba unyaka ka2025 umiselwe ukuba ube nomtsalane nangakumbi. Sinomxholo omtsha noza kunika umdla, nalapho uzisa into entsha. Hlala ke ubukele lonke uhlaziyo olunika umdla kwimiboniso yethu yasekhaya ezayo,” utshilo uAdonisi.

Umkhokha: The Curse uya kugqibelisa ngoFebruwari, ze iMy Brother’s Keeper yona igqibelise ngoEpreli.

Nakuba le midlalo ifikelela esiphelweni, yona isaza kutsala uninzi lwababukeli, njengoko isaqhuba.

Ungaphoswa sisiphelo esichukumisayo sale midlalo mibini, iMy Brother’s Keeper ngo19:30 kunye noMkhokha: The Curse ngo20:30, kuMzansi Magic, itshaneli 161 kwiDStv.