Igatyana laseGcuwa likwiLive Amp ngokuhlwanje

“Andisakwazi nokulinda ngoku, ingathi ayenzeki, andikwazanga nokulala kubusuku obugqithileyo,” lawo ngamazwi akhatshwa luncumo kaFezile Makohliso.

Kaloku uFezz Junior, nanjengoko ezibiza, uzakube ekwiLive Amp namhlanje nalapho azakube esenza udliwano-ndlebe, kwaye etsholoza naseqongeni.

Eli gatyana linama-25 kuphela eminyaka, nelinkaba yalo ikumhlaba waseGcuwa kwiMpuma Koloni, laphumelela kwibakala lomculo kumawonga okukhangela italente eTruFM (tru Talent Audditions) ayebanjwe ngenyanga yeDwarha, eSteve Biko Centre kunyaka ophelileyo.

UFezz Junior wemka efunjathiswe isixa esikwishumi lamawaka eerandi, waze wanikwa nethuba lokwenza ingoma phantsi kweliso likaDumza Maswana.

“Sele kukudala ndigqibile nokuthunga lo nto ndizayinxiba kumabonakude, kungoku nje ndizakuyinxiba,” utshilo uFezz Junior okwazithungela ngezandla zakhe iimpahla azinxibayo.

KwiLive Amp ngokuhlwanje, uFezz Junior ekunye noDumza Maswana, bazakube becula ndawonye ingoma ethi “ Imizamo” Le ngoma yeyokuqala kaFezz Junior nawathi wayishicilela noMaswana eMiriam Makeba ECAVC eMonti ebutsheni bonyaka ophelileyo.

Imizamo iyafumaneka kwiminatha yokufunxa iingoma. Le mvumi, nesele izinze eRhawutini kungoku nje, idize ukuba imatasa-tasa necwecwe layo ekulindeleke ilikhuphe ekuzeni kuphela konyaka.

Ungaphoswa yiLive Amp ngo-19:30 kwiSABC 1.