Iimvumi zifuna iimpendulo ngokubhubha kukaM-Siya!

ICANDELO leGospile eMpuma Koloni lixhelekile kwaye bambi bafuna iimpendulo emva kokuvakala kweendaba zokubhubha kwemvumi yeGospile uSiyabulela “M- Siya” Maawu.

UM-Siya, owaziwa ngengoma ethi Amanxeba, ubhubhele kwisibhedlele saseBoksburg eRhawutini ngoLwesihlanu weveki ephelileyo.

“Sifuna ukwazi kwenzeke ntoni? Sicela urhulumente angenelele,” kutsho imvumi yeGospile uButho Vuthela.

Ethetha nephephandaba I’solezwe lesiXhosa, uVuthela uthi abaphathekanga kakuhle beziimvumi ngokubhubha kukaM-Siya ngendlela engacaciyo.

“ UM-Siya uthe kukho okungalunganga phaya. Ebefuna uncedo nakubani na ukuba azokumlanda ngokukhawuleza,” kutsho uVuthela.

UVuthela uthi makuphandwe ngokubhubha kwale mvumi.

“Kucacile kukhona okungalunganga. Umntu xa efuna ukufuduselwa kwenye indawo, makavunyelwe.

“ Ubone abantu bebhubha phambi kwakhe, nabo [abo bantu] bekhalaza,” kutsho uVuthela enomsindo.

UVuthela uqhuba athi ukuba uM-Siya belilungu lePalamente okanye igosa laseburhulumenteni, ngesaphila.

“Ndifuna ubulungisa ngoSiyabulela!” utshilo.

Le mvumi ikwatyhole ngelithi iimvumi azibalulekanga.

“Ndinomsindo ngale nto! Kutheni singabalulekanga nje kweli lizwe? Iimvumi azinokuqhubeka zibhubha olu hlobo!” kuthetha uVuthela ecaphukile.

Uthi icandelo legospile lilahlekelwe ngamandla ngokubhubha kukaM-Siya.

Othethela usapho lukaM-Siya, uSivuyile Paliso, uxelele I’solezwe ukuba uM-Siya kulithuba esokoliswa sisifo seswekile.

“ Uye wasiwa kwisibhedlele saseBoksburg ngenxa yeswekile, apho bafumanise ukuba wosuleleke nayiCovid-19,” kutsho uPaliso.

UPaliso uthi uM-Siya bethe gqolo ukutsalela usapho lwakhe, ecela ukulandwa esibhedlele.

“ Uthe makalandwe esibhedlele, kungenjalo akayi kulenza ixesha. Ebengafuni kuba phaya konke konke. Akakhange akhuphe nkcukacha zokuba yintoni unobangela wokungafuni ukuba phaya. Sixhelekile!” kutsho uPaliso.

Ukwadize ukuba uM-Siya ubhubhe ngesaquphe ngethuba eyokulandwa esibhedlele.

“ Ubhubhe emva kokuncokola nomntu ebezomlanda. Isihlobo ebesizokumlanda sithi besisalindile emva kokuncokola naye, sele kutyikitywe amaphepha okumkhulula, emva kwemizuzu elishumi kwathiwa ubhubhile, besithi [esibhedlele] uye wasokola ukuphefumla,” kubalisa uPaliso.

Enye yeemvumi zeGospile, uBetusile Mcinga, naye uvakalise ukuxheleka kukubhubha kukaM-Siya nanjengoko yena buqu engene emculweni uM-Siya sele esaziwa.

UPaliso uthi le mvumi iza kungcwatyelwa eMpumalanga kule mpelaveki.