Iingoma zikaEmjay Joyi waseSajonisi

Imvumi yeAfroPop uManelisi Emjay Joyi

INZALELWANE yaseMajola, eSajonisi, ibhalisa igama layo kumculo weAfro-Pop.

Iingoma zikaManelisi Joyi, 18, owaziwa njengoEmjay Joyi kwiqonga lomculo, zibalisa ibali ngobomi bakhe nokufuna isitya ebumnyameni. Le mvumi ivule umlomo ngengoma yokuqala eyayikhupha ngo2019 ethi ‘Ezilalini’ – yaze yalandelisa ngethi ‘Mthokozisi Khathi (DJ Tira), eyesithathu yayingoma ebizwa ‘Ntokozo.’

UEmjay ubalisele I’solezwe lesiXhosa ukuba kudala efukuza, ezama ukungena emculweni kodwa kungelula.

“Ubudlelwane nomculo ndibuqale ngo2017, kodwa ndingenayo indlela yokushicilela umculo,” utshilo.

Umculo wakhe uwushicilela eDJ X Productions eMthatha. Kulo nyaka, uEmjay ukhuphe ingoma entsha ethi ‘Ukuthwala’ nathi ibalisa ngendlela exineneyo ayihambileyo ukufikelela apho akhoyo ngoku.

“ Kuba bendibona le ndlela ndiyihambayo imxinwa kwaye kunzima ukuqhubela phambili,” utshilo. Uthi ngale ngoma ufumene udliwanondlebe koonomathotholo nakumaphephandaba. “Le ngoma ndingathi yeyona indivulele amathuba kwiqonga lomculo,” kutsho uEmjay.

Ebalisa ngokubhala ingoma ngoDJ Tira. Uthi esakhula wayefuna ukufana naye. “Nangona ndikhulele ezilalini kodwa ndazithembisa ngokufikelela apho akhoyo uDJ Tira.” UEmjay unqwenela ukusebenza neSoweto Gospel Choir noRingo Madlingozi kwingoma afuna ukuyikhupha ethi ‘Phambili.’ Ukwathi ufuna ukusebenza noMduduzi Ncube kwakunye noBerita AfroSoul kwicwecwe lakhe aceba ukulikhupha.

UEmjay uthi icwecwe lakhe lokuqala liza kuphuma ngeyeNkanga kunyaka ozayo. Ucebise ezinye iimvumi ezisakhasayo ngelithi kumnandi ukukhangela isitya ebumnyameni kuba wakusifumana asiphindi sikulahleke.

Iingoma zakhe zifumaneka kwiivenkile zonxibelelwano lweintanethi.

simphiwe.freddie@inl.co.za