Abalandeli beJoyous 20 kulindeleke ukuba bonwabe eNtshona naseMpuma Koloni.
Eli qela lidumileyo kumculo wegospile, lizisa ulonwabo eBhayi ngempelanyanga, ngelixa likwabhiyozela iminyaka engama-20 kususela oko lasekwayo.
I’solezwe lesiXhosa lincokole noMfu. Jabu Hlongwane ngolu khenketho. “Senza into esiqhele ukuyenza kakade yokutyelela abalandeli beJoyous Celebration apho bakhoyo. Olu khenketho lukazwelonke luqale eRhawutini ngempelaveki yePasika, kwaye luzakugugutha zonke izixeko.”
UHlongwane uthi, abantu sele bekuqhelile ukonwatyiswa yiJoyous Celebration ngoku.
“KwiJoyous abantu bayacula, bayagida bathandaze. Abantu beza neentsapho zabo ukusuka kwiindawo ngeendawo,” utshilo uHlongwane.
Uthi olu suku izakube ilusuku losapho, nalapho kuzakube konwatywe phandle. “Besifudula sisebenzisa iindawo ezifana neNMMU ngaphambili xa siseBhayi, kodwa ngoku sakube siphandle, umntu angeza neCamp chair yakhe azokonwaba nosapho.”
UHlongwane ekunye noLindelani Mkhize, baseka eli qela lomculo wegospile ngonyaka ka1996.
UHlongwane ukuchaza oku njengendlela ende yohambo oluchulumancisayo. “Indlela ibintle kodwa inzima, kuba xa uyiqala into abantu baqala bangayixhasi. Sasinyuka sisihla sicela inkxaso yezemali.”
Uyichaze inkxaso emangazayo yabantu njengento engalawulwa ngabo. “Ayikokuhlakanipha kwethu, kodwa ngamandla avela ngasentla kuThixo,” utshilo.
IJoyous Celebration izakube itshila ngeengoma zabo ezikwicwecwe elitsha iJoyous 20.
Le mibhiyozo yeJoyous izakuqala eKapa ngomhla wama 26 kuEpreli, ize iqhubeke eFestival Lawns eThe Boardwalk, eSummerstrand eBhayi ngomhla wama 30 kuEpreli ngentsimbi yesihlanu emva kwemini.
Amatikiti ekhonsathi yaseNtshona naseMpuma Koloni ayafumaneka eComputicket ukuqala kwi-R220.00.
Ungabalandela kumaqonga onxibelelwano -Facebook: My Joyous Celebration Twitter: @JoyousSA
iMamelodi Sundowns inyathele iMpheni Defenders emdlalweni weNedbank Cup