Ikhangela ilizwi lakho iThe Soil!

EMVA kweendaba zokuthatha ikhefu kwelungu eliphambili le-The Soil, uBuhlebendalo ‘Buhle’ Mda.

UMda uthi uyokusabela ubizo lwakhe lwezinyanya, ngoko ke kufunwa owasetyhini ozakungena ezihlangwini zakhe.

UMda uthi, “Njenga- ma-Afrika, ngamanye amaxesha kufuneka siphendule kubantu abangasentla kunathi. Kungoko ndizakuthabatha ixesha ndigxile kubizo lwam lwezinyanya,” utshilo.

“Ngoko, ukususela ngenyanga kaMatshi 2016 ndizakube ndingekho kwimisebenzi yeThe Soil, kodwa ungoyiki, ndikushiya kwizandla ezintofo-ntofo zoogxa bam.”

Ephendula abalandeli bakhe abaxhalabileyo kwinkqubo yoMhlobo Wenene fm uSijikalanga, uMda uthe, “Ndizakubuya kungekudala, ndiya ekhefini elifanayo xa ubani eyokufumana usana, abanjelwe ngumntu,” uvakalise oko uMda,

I-The Soil ifuna igqiyazana elicinga ukuba lingakwazi ukungena ezihlangwini zikaBuhle. Kumyalezo abawukhuphe kwikhasi labo le-Facebook lithi:

Zonke iivideo ezithunyelwayo kufuneka zibekwimizuzwana engamashumi amathathu ukuya kumashumi amathandathu. IiVideo ezimfutshane okanye ezinde kunexesha elibekiweyo-azisayi kuqwalaselwa.

Bonke abathathi-nxaxheba kufuneka bacule iingoma ze-The Soil, ingakumbi iivesi zikaBuhle. Xa ingahoywa le miqathango, abagwebi banelungelo lokungakuqwalaseli.

Zonke iivideo ezifakiweyo kufuneka zifakwe kwikhasi likaFacebook, nanjengoko lungekho olunye uhlobo lokungenela lakuqwalaselwa.

Nceda usebenzise i-hashtag engu #ExperienceTheSoil xa ufaka ivideo yakho.

Bonke abo bangenelayo kufuneka ibengabemi boMzantsi Afrika abanesazisi esisemthethweni soMzantsi Afrika kunye neencwadi zokundwendwela,

Usuku lokugqibela lokufakwa kwee-video iyakuba ngumhla we-5 kuFebruwari 2016 kwaye ukukhangelwa kwale talente iyakuba ngumhla we-8 ukuya kwi-11 Februwari 2016 eRhawutini.

I’solezwe lesiXhosa lininqwenelela impumelelo.