Ikhangela umsasazi iTruFM!

UKUBA ucinga unaso isakhono sokusasaza, eli lithuba lakho!

Isikhululo sosasazo seSABC, iTruFM eBhisho, ibuya nokhuphiswano olwaziwa njengeTruTalent Search.

Kolu khuphiswano, oluqale kwiminyaka emihlanu edlulileyo, kukhangelwa umsasazi okanye iDJ.

NgoMvulo wale veki, iTruFM ivule icham lokungeniswa kwezicelo kumacandelo amabini, elomsasazi kanomathotholo neleDJ.

Abo bafuna ukuba ngabasasazi bakhuthazwa ukuba bathumele idemo ebubude bemizuzu emithathu ukuya kwemihlanu, ngelixa abo banqwenela ukuba ziDJ bangathumela iingoma abazixubileyo okanye imix eyimizuzu engama20 ukuya kuma30.

Ezi zicelo zentathonxaxheba kolu khuphiswano zingathunyelwa kwidilesi ye-email engu: 2020trutalent@trufm.co.za.

ITruFM ithi abo bangenelayo kufuneka babe kanti bakwiminyaka eyi15 ukuya kweyi34.

“ITruFM iluqale ngo2012 olu khuphiswano lokukhangela umsasazi. Eli phulo lijoliswe ekunxulumaneni nolutsha lweMpuma Koloni ngokulunika iqonga lokukhulisa nokubonakalisa italente yalo. Lukwavule nezithuba zengqesho kwabo bathe baphumelela kulo,” kutsho uMmoni Seapolelo ongumlomo weSABC.

Kulindeleke ukuba kuhluzwe iTop 10 kumangenelo ala macandelo omabini.

“Abo baye bahluzwa bakuthi basiwe kuqeqesho, ukuze abo banolwazi kula macandelo omabini babaxhobise ngolwazi,” kucacisa uSeapolelo.

“Abo bahluzwe kwiTop 10 baya kuthi banikwe inani elikhethekileyo, bashicilele ividiyo yemizuzwana (sec) engama60 neza kuxhonywa kumakhasi onxibelelwano esi sikhululo sosasazo, idlalwe nasemoyeni ukuze abaphulaphuli bavote,” kutsho uSeapolelo.

USeapolelo uthi oye wagqwesa njengomsasazi uza kunikwa ithuba lokusasaza kwiTruFM isithuba esingangonyaka. Ukanti ophumeleleyo njengeDJ uza kudlala imix yakhe rhoqo kwinkqubo yolonwabo yesi sikhululo.

Abaphumeleleyo kulindeleke babhengezwe kwiAfternoon Drive yeTruFM.

Ukhuphiswano luyavalwa ngomhla we31 kule nyanga yeDwarha/Okthobha 2020.