Ilele kwizandla zenu bazali

BAZALI urhulumente, ngokomlomo kaMongameli Cyril Ramaphosa, wayicacisa ukuba akukho mzali uza kunyanzelwa ukuba athumele umntwana esikolweni xa engoneliseki ngokhuseleko lomntwana kwintsholongwane yeKhorona.

Into eyenzeke kwisikolo iMakaula SSS KwaBhaca (Mount Frere) ifanele ukuba sisifundo nakwabanye ootitshala kuquka nabazali ukuze bachule ukunyathela kulo mbandela. Oku kufanele ukuba kugxininisa nangakumbi kwabaphethe isikolo.

Noko ayikholeleki eyokuba yenzeka njani into yokuba abantwana abakumakhulu amabini babe kanti bachaphazeleke yintsholongwane bebonke. Lo nto ichaza mhlophe ukuba imigqaliselo yokhuseleko ayikhange ilandelwe.

Abanye abazali abanabantwana eMakaula bathi bafowunelwe ngabantwana babo bebachazela ukuba imeko imbi esikolweni. Omnye uthi umntwana wakhe usiwe esibhedlele ngaphandle kokwaziswa. Ukuba la mabango yinyaniso, isikolo saseMakaula sakube kanti senze ukungakhathali.

Ilizwi elisoloko likhuthazwa nguMphathiswa uGqirha Zweli Mkhize kukuba le ntsholongwane sakuyilwa xa sitshintsha indlela yokwenza izinto. UMkhize uthi indlela yokucinga nokwenza izinto ngoyena ndoqo wokulwa nale ntsholongwane.

Enye yezo ndlela kukuba xa kukho imeko enjengale yaseMakaula, isikolo sazise abazali futhi sikhawuleze sivale ukuqinisekisa ukuba intsholongwane ayinwenwi. Akukhange kube njalo eMakaula, isikolo siqhubeke njengesiqhelo noxa nje abafundi beqale ukuqinisekiswa ukuba banale ntsholongwane kwakwiveki ephelileyo.

Iinkokheli mazibonakalise ubunkokheli kuba le ntsholongwane iyabulala. Ayinakuba yinto entle ukubona kuziliwe emzini ngenxa yokohlulakala kwakho ukuphatha. Iinkokheli mazikhawuleze zibize amagosa ezempilo xa kukho into engaqondakaliyo kwiziza zokusebenza, kuquka nezikolo, ukuze kukhawuleziswe kuthatyathwe amanyathelo.

Kungenjalo nabazali banoxanduva ngeempilo zabantwana babo esikolweni. Xa abaphathi besikolo besilela ekubonakaliseni isakhono nokuxabisa ubomi babantwana, lo nto ithetha ukuba ilele kwizandla zenu bazali. Ubomi bunye!