Ilifu elimnyama kwibali loMhlobo Wenene

ABADLALI kwibali loMhlobo Wenene FM bamchaze ugxa wabo uOndela Stamper, 30, ongasekhoyo, njengeyolisa ebelithobekile, ebelizinikele nebelihlala lifuna ukunceda.

Eli tyendyana laseLinge kuKomani, nebelidlala indawo kaZuko kweli bali lemihla ngemihla elithi ‘Ithini Na Le Nto?’ lisutywe kukufa kwimpelaveki egqithileyo emva kokugula ithutyana.

Iindaba zokusweleka kukaStamper ziwothusile umzi woMhlobo Wenene FM, ingakumbi iqela labadlali bebali kwakunye nabadidiyeli.

“Kubuhlungu kakhulu, inxeba linzulu. UOndela besisithandwa, umntwana onetalente nentliziyo elungileyo. Ebefana nonyana kum. Andikhumbuli endibiza ngenye indlela ngaphandle kokuthi mama. Ebehleli esolula isandla, umntu obesebenza nzima, enemisebenzi emithathu ngoku emncinane,” kubalisa uMdidiyeli oyiNtloko weli bali loMhlobo Wenene FM, uToffee Zitshu.

UZitshu uthi nangona uStamper ebenemingeni yakhe ebomini kodwa behlala ekho ukunceda abanye.

“Iqela lonke lasebalini likwimo yonxunguphalo. Njengabaqulunqi bebali nababhali sisengxakini enkulu ngokuba indima kaZuko bisele ifikelela enkcochoyini ngoku, kwaye uOndela ebeza kusibonisa amanqam,” kutsho uZitshu.

UStamper waqala kwibali loMhlobo Wenene FM ngo2012 eminyaka ingama22, edlala le ndima kaZuko ngethuba ibali lalisithi “Ubom yinzulu yolwandle.”

UMdidiyeli wamabali oMhlobo Wenene, uMnoza Melane, uthi balahlekelwe.

“Sishiyeke sineengcinga ezimnandi ngoOndela, umntu obethobekile nobezimisele. Yanga umphefumlo wakhe ungaphumla ngoxolo,” kutsho uMelane.

Omnye woogxa bakaStamper ebalini nobekwangumhlobo osondeleyo, uAnele Penny odlala indima kaMqokeleli, uthi wonakele.

“Ebengumninawa wam uOndela! Zinkulu izinto andenzele zona la mfana! Phumla ngoxolo Jwarha!” kutsho uPenny.

Abadlali beli bali abaquka uZukiswa Cakucaku (Nolast), Khaya Vuma (Ngxekese), Samkelo Mali (Thubhanana) Nosimo Dikana (Nolufefe), Sithini Mahola (Notiti) noMilisa Mtwa (Khonzeka) kwakunye nabanye, bathi uOndela bengumntu wokubalekela, obengadinwa kukunceda.

Iinkcukachaza zenkonzo yesikhumbuzo sakhe bezingekabhengezwa ngethuba sibhala eli nqaku.