Imbali emculweni

Masiqwalasele * -Angelique Kidjo osandul’ukudibanisa iminyaka engamashumi amahlanu anesihlanu esidl’amazimba. UKidjo wazalwa ngomhla we-14 kuJulayi ka-1960, ezalelwa kwilizwe laseBenin.

Le nzwakazi iziphumelele iimbasa eziliqela ze-Grammy njengo mbhali kunye nemvumikazi egqwesileyo, naqatshelwa ngohlobo olulodwa kumculo nemifanekiso yee-video zakhe enobuchule. Ulind’ixesha we-Time umteketisa njenge-”Africa’s premier diva.” Ukanti i-BBC iquka lo kaKidjo kuluhlu lwayo lwabemi abangamashumi amahlanu belizwekazi le-Afrika, abangamaqhawe. Yona iGuardian imfake kuluhlu lwabo balikhulu abakhuthaza amanina kwihlabathi jikelele, kwaye uKidjo ukwalinina lokuqala ukubekwa yi-Forbes Magazine kuluhlu loosaziwayo abangamashumi amane abanamandla e-Afrika.

U-Angelique uthweswe iwonga lobugqirha (Honorary Doctorate) yi-Yunivesithi yase-Yale, ikholeji yomculo yaseBerklee nekholeji yaseMiddlebury. Iingoma zika-Kidjo ziquka oo-Agolo, We We, Adouma, Wombo Lombo, Afirika, Batonga no-Malaika. UKidjo uthetha ulwimi lwesi-Frentshi, isi-Fon,Yoruba nesiNgesi, kwaye ucula ngeelwimi ezine. Ukwathiwe jize nge-2015 Crystal Award yi-World Economic Forum of Davos yase-Switzerland.