Imbasa kaMangesi yeminyaka elishumi kusasazo

UKUFUMANA imbasa kungabethelela indawo yakhe kwezosasazo kwaye kananjalo kumkhuthaze.

Le yindlela uSamora Mangesi afuna ukubhiyozela ngayo ukufinca iminyaka elishumi esasaza kumabonakude nakunomathotholo.

Sithetha nje igama likaMangesi likumnqwazi weSouth African Film and Television Awards (SAFTAs) phakathi koompondo zihlanjiwe bosasazo lukamabonakude ngenkqubo ayenza kwiSABC1 ebizwa Real Goboza.

Encokolela I’solezwe lesiXhosa, uMangesi uthi kokokuqala ngqa kwiminyaka yakhe elishumi yosasazo echongelwa imbasa.

“Oh, kunini! Bebelinde ntoni na kule talente ingaka? Ndivuya ngendlela engazenzisiyo!” utsho ehleka.

Uthi unethemba lokubuya nale mbasa ukuze iyokubekwa ekhayeni lakhe eliseMonti.

UMangesi uqale ukusasaza ngo2012 kwinkqubo kamabonakude eyayibizwa Youth Aflame kwisikhululo sikamabonakude wasekuhlaleni eKapa iCTV. Waze waqala ukuduma ngokwenza inkqubo yeHectic Nine-9 ngo2013.

UMangesi, onkaba ikwilali yaseNkelekethe kuCentane, wenza inkqubo ethi Iqonga Labatsha kuMhlobo Wenene FM rhoqo ngeMigqibelo.

Uthi nangona umabonakude nonomathotholo besasazela uluntu, kodwa ngamaqonga ohlukileyo.

“Kunomathotholo nguwe nomboko nobuxhakaxhaka obunokundibhida ngamanye amaxesha,” kutsho lo msasazi ezihleka.

“Kumabonakude, ininzi intshukumo eyenzekayo nabantu abakhoyo estudiyo. Kuzizibane, iikhamera, abantu abalungisa inkangeleko yakho nokuninzi,” kucacisa uMangesi.

Phambi kokuzibhaqa ekuMhlobo Wenene, uMangesi ebesenza inkqubondaba kwiChannel Africa ukususela ngo2017. Ukhe wasebenzela oonomathotholo abaliqela abasasaza ngeintanethi.

Eli tyendyana likhulele kwa10 eMdantsane kuquka naseWestbank eMonti.

“Ukukhulela eMdantsane kwandinika ithuba lokufumana ubomi baselokishini, ndibe ngaxeshanye ndifunda edolophini eSelborne. Lo nto yandinika isakhono sokufikelela nokukwazi ukuthetha nabantu abohlukeneyo kwiinkalo ngeenkalo zobomi,” kutsho uMangesi.

“Ndikhule ndingumntwana olithandayo iqonga. Bendidlala kwimidlalo yeqonga esikolweni eGuild Theatre naseArts Theatre eMonti. Usasazo lundikhumbuza okuninzi ngeqonga lokulingisa. Lundinika inkululeko yokubandim kwaye ndabelane ngomntu endinguye noMzantsi Afrika.

“Okunye endikuthandayo lukwandinika iqonga lokulungisa iingqondo zabatsha abakhulela kwiindawo ezitsala nzima, ndibanika ithemba lokuphuma kobo bugxwayiba,” kutsho uMangesi.

Lo msasazi uthi abantu bayalibala ukuba iqonga lezolonwabo lingumsebenzi njengeminye imisebenzi ekunzima ukuyenza.

“Lineepolitiki zalo, nabantu abaninzi abaliphetheyo abaquka ababukeli nabaphulaphuli. Xa kumnandi kuba mnandi, kodwa xa izinto zingekho ngecala lakho oko kungakurhuqela engontsini yobumnyama, kwaye oko kuko okubangela abaninzi kwiqonga lezolonwabo ukuba bazibulale,” kulumkisa uMangesi, esithi nakuye zibe ninzi ezimbi nezintle ezimehleleyo kwaye ziseninzi eziza kumehlela kuba naye ungumntu.

Uthi umsebenzi woMhlobo Wenene ufike ngexesha apho ebekhangela into entsha eza kumonwabisa, eza kumcela nomngeni.

“Ukubakwesi sikhululo uMgqibelo noMgqibelo kwenza kanye loo nto. Into endiyithandayo ndinoxanduva lokuzididiyelela yonke inkqubo yam ngenkxaso yabandiphetheyo.”

UMangesi uthi ubathembile abaphulaphuli bakhe ukuba baza kumvotela nanjengoko bamvotela nangethuba kukhangelwa umsasazi weHectic Nine-9 ngo2013.

Iminxeba yovoto ivula kwiveki ezayo kwaye iinkcukhaca zokuvota uza kuzixhoma kumakhasi akhe onxibelelwano.

UMangesi ubambe ngazibini kwabamxhase kwikhondo lakhe lokusasaza kule minyaka ilishumi.